1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) licela ootitshala beMathematika bamaBakala R - 9 ukuba bathathe inxaxheba kwiNkomfa yeziSombululo zeMathematika nokuba ngaba baza kwenza iinkcazo-ntetho okanye babe ngabathathi-nxaxheba.

2. Injongo

Injongo yale nkomfa yemathematika kukunika imizekelo yeendlela ekunokufundiswa ngazo imathematika ngempumelelo.


3. Umhla, ixesha nendawo

Le nkomfa iya kuqhubeka ngoMvulo, we-30 Juni 2014, ukususela ngo-08:00 – 15:00, nangoLwesibini, we-01 Juli 2014, ukususela ngo-08:00 – 13:00, e-Cape Teaching and Leadership Institute, Nooiensfontein Road, Kuils River.


4. Ingcaciso enikwa abo baza kwenza iinkcazo-ntetho (presenters)
4.1 Ootitshala abanomdla ekwenzeni isifundo semathematika, ekufundeni iphepha elingokufundiswa kwemathematika okanye ekwenzeni lo masifundisane "a best classroom practice" ("eyona ndlela ibhetele yokufundisa") oza kuqhutywa kule nkomfa mabakhokelwe zezi zinto zilandelayo:

  • Isifundo okanye iphepha okanye umasifundisane othi "How I teach" (Ndifundisa njani) makasuselwe kwiNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (CAPS) kazwelonke yamaBakala R - 12.

  • Isifundo sifanele ukufundisa umba othile wesilabhasi yeMathematika kwibakala elithile.

  • Abathathi-nxaxheba benkomfa kufuneka bathathe inxaxheba kwisifundo okanye kumasifundisane.

  • Ubude bexesha: Imizuzu engama-60. Nika imizuzu emi-5 - 10 yengxoxo yamaqela okanye yemibuzo.

  • Iindawo zendibano ziya kuba neetafile nezitulo eziphathekayo, i-datha projektha, i-ovahedi projektha, ibhodi emhlophe nestendi setshathi etyhilwayo (flipchart stand) enamaphepha.

  • Zonke iiwekhishithi (worksheets) zenkomfa ziya kuqokelelwa ziprintwe zenziwe incwadi. Oku kuthetha ukuba akukho mfuneko yokuba abenzi nkcazo-ntetho beze nezinye iikopi eziprintiweyo, ngaphandle kokuba abathathi-nxaxheba bacelwa ukuba basike okanye basonge amaphepha eewekhishithi.

  • Zonke izinto zokufunda ezingamaphepha kufuneka zitayitshwe zize ziprintwe kwiprinta yeleyiza, ukuba kunokwenzeka. ISebe iWCED liya kuzidyuplikheyitha izinto zokufunda.
4.2 Ukuba unomdla wokwenza okuthile kule nkomfa, kucelwa ukuba uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo uze usibuyisele kuMnu K Scheepers kule nombolo yefeksi 021 900 5175/ 086 614 5564 okanye kule dilesi ye-imeyili keith.scheepers@westerncape.gov.za ungadlulanga owe-30 Apreli 2014.

5. Ingcaciso enikwa abathathi-nxaxheba
5.1 Kucelwa ootitshala abangathanda ukuya kwinkomfa njengabathathi-nxaxheba ukuba bazalise iinkcukacha zabo kuluhlu lwesikolo kwisiHlomelo B.
5.2 Makuthunyelwe isiHlomelo B esizalisiweyo kuMnu K Scheepers kule dilesi ye-imeyili keith.scheepers@westerncape.gov.za okanye kuGaynore Matthews kule dilesi ye-imeyili gmatthew@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 900 5175 / 086 614 5564 ungadlulanga uLwesihlanu, we-09 Meyi 2014.
5.3 Ubhaliso luya kuvalwa kwakuba kubhaliswe abathathi-nxaxheba bokuqala abayi-350.
5.4 Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iseshoni yeengxoxo zamaqela (plenary panel discussion) neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye kwiindawo ezahlukeneyo (parallel sessions) ezenziwa ngabathathi-nxaxheba. Izikolo ezibhalisela le nkomfa ziya kufumana iinkcukacha zeprogram yenkomfa nge-imeyili ungadlulanga owe-13 Juni 2014.

6. Amalungiselelo enkomfa
6.1 Abathathi-nxaxheba okanye abenza iinkcazo-ntetho abasuka kwii-ofisi zezithili zemfundo ezisemaphandleni abahamba umgama ongaphezu kwe-120 km ngohambo lokuya nokubuya bangalala kwihostele yaseCape Teaching and Leadership Institute ngobusuku bangeCawa, nge-29 Juni 2013 nangoMvulo, we-30 Juni 2014.
6.2 Indawo yokulala ehostele yaseCTLI iya kuhlawulwa liSebe iWCED.
6.3 Iindleko zohambo aziyi kuhlawulwa liSebe iWCED.

7. ISebe iWCED linethemba lokuba bonke ootitshala beMathematika abaya kubakho kule nkomfa baya kuzuza lukhulu kuyo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:04:08

IsiHlomelo A: IFOM YOMNIKI-NKCAZO  (ubukhulu: 15 KB)
IsiHlomelo B: ULUHLU LWABATHATHI-NXAXHEBA  (ubukhulu: 19 KB)