1. Imfuno ekhulayo yeendawo zokuqhubela iindibano kunye neendawo zokulala kubathathi-nxaxheba beSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) ikwenze kwabaluleka kakhulu kwiCandelo le-CTLI ukuba liqwalasele iinkqubo ezimalunga nokungeniswa kwezicelo zokubhukisha. Le nkqubo ihlaziyiweyo iya kwenza ukuba iCandelo le-CTLI likwazi ukucwangcisa nokulawula yonke inkqubo yokubekelwa indawo ngempumelelo engaphezulu.
2. Ukususela ngoku zonke izicelo zokubhukisha indawo mazingeniswe ubuncinane kwiintsuku eziyi-30 ngaphambi kwexesha. Akusayi kwamkelwa ukubhukisha indawo kade. Kwiimeko apho indawo ifuneka ngokungxamisekileyo selidlule ithuba leentsuku eziyi-30 elisikiweyo, makuthunyelwe incwadi ebhaliweyo enika isizathu esithethelelayo (written motivation) kuMlawuli we-CTLI ukwenzela ukuba asinike ingqwalaselo kwaye anike imvume yakhe.
3. Zonke izicelo zokubhukisha mazizaliswe kwifom yokubhukisha efunekayo (Annexure A) zize zithunyelwe kwigosa elijongene nokubhukisha iindawo, uMercia Okkers, kule imeyili Mercia.Okkers@westerncape.gov.za okanye zithunyelwe ngefeksi apha 021 900 5162. Kuphela zizicelo ezingeniswe kwigosa elijongene nokubhukisha eziya kuqwalaselwa.
4. Sakubanje sifikile isicelo sokubhukisha, kuya kuthunyelwa i-imeyili evuma ukufika kwesicelo kulowo ucela indawo nebonisa ukuba ukubhukisha oko kuya kungqinwa ekupheleni kweveki.
5. Zonke izicelo zokubhukisha ziya kuqwalaselwa yikomiti ngoLwesihlanu weveki nganye. Kuya kuqwalaselwa ukufumaneka kwendawo, inani labathunywa abaza kuya kuyo kunye nazo naziphi na ezinye iimfuneko zokubhukisha. Sakubanje senziwe isigqibo, kuya kuthunyelwa kwakhona i-imeyili kulowo ocele indawo, esivumayo okanye esalayo isicelo sokugcinelwa indawo.
6. Lincinane inani leendawo ekufumaneka kuzo iindawo zeziphungo (refreshment-serving venues) kwaye ayizizo zonke izicelo zezi ndawo ezinokuvunywa. Konke ukutya makusiwe kwiindawo ekuza kudityanelwa kuzo sekulungiswe ngokupheleleyo njengoko kungekho zibonelelo zokupheka ziya kufumaneka. Iindawo ekufumaneka kuzo iziphungo ziya kunikwa ngokwenkqubo yokunika ofike kuqala (first come, first served basis). Ke ngoko qinisekisa ukuba ubhukisha kuselithuba elide kakhulu.
7. Ababoneleli-nkonzo zokupheka (catering service providers) mabahlole indawo baze bazalise uxwebhu lwemvumelwano (memorandum of understanding) phambi komhla wokwenziwa kwenkonzo. Luxanduva lwalowo ucela indawo ukuqhagamshelana nababoneleli-nkonzo kunye neCandelo le-CTLI ukumisela umhla ofanelekileyo nexesha lokuhlola indawo. Alisayi kuthi naphantsi kwazo naziphi na iimeko iCandelo le-CTLI liqhagamshelane ngqo nababoneleli-nkonzo.
8. Ukurhoxiswa kokubhukishwa kwendawo kufuneka kwenziwe kuselithuba elide kakhulu. Abenzi-sicelo sendawo abathi rhoqo bamana berhoxisa ukubhukisha indawo sekusele ithuba elifutshane kakhulu baya kuqatshelwa ukwenzela ixesha elizayo. Oku kuya kuthathelwa ingqalelo xa kusenziwa iirivyu zaqho ngeveki yikomiti ejongene nokubhukisha.
9. Ukulungiselela iinjongo zokugcina iirekhodi, lowo ucela indawo makangenise kwigosa elijongene nokubhukisha iindawo kwiCandelo le-CTLI ikopi yerejista esayiniweyo yamagama abo bebeze kwindibano ekupheleni kwendibano nganye.
10. Kuya kusebenza kwale nkqubo inye kunye nale mihla isikiweyo malunga nezicelo zeendawo zokulala zobusuku obunye.
11. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo njengoko iya kuqinisekisa ulawulo ngempumelelo lwenkqubo yokubhukishela ukugcinelwa indawo.
12. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:02:27

"Annexure A: 2014 Reservations form"  (ubukhulu: 48 KB)