1. Iphephandaba i-Die Burger lisebenzisana neSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED), liza kuphinda kwakhona lisingathe inkomfa yolutsha i-56th annual Youth Leadership Conference ukususela kowe-12 ukuya kowe-18 Disemba 2014 e-Die Burger Strandhuis eMuizenberg, eKapa.
2. Ziyacelwa izikolo ukuba zityumbe usihlalo kunye/okanye usekela-sihlalo weBhunga eliMele aBafundi lika-2015. Ngamashumi amahlanu (50) aziinkokeli zolutsha (amakhwenkwe ayi-25 namantombazana ayi-25) aya kukhethwa kwizicelo ngokweekhrayitheriya ezichazwe kwifom yokutyumba eqhotyoshelweyo.
3. Ulwimi ekuya kuqhutywa ngalo kule nkomfa sisi-Afrikansi (ulwimi lwephephandaba i-Die Burger), kodwa kuya kuthathelwa ingqalelo onke amaqela ezinye iilwimi xa kukhethwa abatyunjwa.
4. Iinkokeli zolutsha ezikhethiweyo zilindeleke ukuba zibekho kule nkomfa ngalo lonke ithuba lokuqhuba kwayo ukususela ngoLwesihlanu we-12 Disemba ukuya kuLwesine we-18 Disemba 2014.
5. Le fom yokutyumba iqhotyoshelweyo mayizaliswe ngokupheleleyo yaye apho kuyimfuneko, ingcaciso efanelekileyo yokuxhasa isicelo mayingeniswe kunye nale fom.
6. Ifom yokwenza isicelo ezaliswe ngokupheleleyo mayiskenwe yaye ingeniswe nge-imeyili komnye waba balandelayo ungadlulanga owe-31 Oktobha 2014:

Mnu B Volschenk apha Barry.Volschenk@westerncape.gov.za okanye
Nks H Arendse apha Hazel.Arendse@westerncape.gov.za

7. ISebe iWCED licela zonke izikolo ukuba zityumbe abagqatswa abafanelekileyo kule nkomfa ixabiseke kangaka.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:10:23

"Die burger se 56ste jeugleierskonferensie - Vraelys"  (ubukhulu: 67 KB)