1. NgoOktobha 2012, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liqhube iiMvavanyo zeNkqubo yezeMfundo yamaBakala 3, 6 no-9 kwiMathematika nakwiiLwimi.

2. Iziphumo ziya kufumaneka kwiCEMIS nge-14 Januwari 2013. Izikolo ziyakhuthazwa ukuba zifumane iziphumo zazo ngokukhawuleza ukwenzela ukuba zizibandakanye kwizicwangciso zokuphucula izikolo zazo.

3. Iingxelo eziya ezikolweni ziya kunika iireyithi zokupasa nomndilili wamanqaku azuzwe sisikolo ngasinye, ziphinde kwakhona zibonise indlela ekuqhutywe ngayo kwiinkalo zeelwimi nakwimathematika.

4. Iziphumo zesikolo sakho zinokufumaneka kwiCEMIS ngokusebenzisa le nkqubo ilandelayo:

  • Khetha i-ayithem yemenyu u-"Assessment".
  • Kwi-drop-down menu, khetha enye yezi zilandelayo:

    • Ukufumana iziphumo zeBakala 3, khetha "Grade 3 Lang/Maths Results 2012".
    • Ukufumana iziphumo zeBakala 6, khetha "Grade 6 Lang/Maths Results 2012".
    • Ukufumana iziphumo zeBakala 9, khetha "Grade 6 Lang/Maths Results 2012".

Iziphumo zifanele ukuvela kwiskrini.

  • Ukuba iziphumo aziveli, yiya kwi-menu bar phezulu ukhethe u-"Tools". Emva koko khetha u-"Pop-up Blocker", uze ukhethe u-"Turn-off Pop-up Blocker" uklikhe.
  • Kwakugqitywa oku, khetha libe linye kula mabakala ukujonga iziphumo.
5. Ngaphezulu kweziphumo, iWCED inika imizekelo yeentlobo zee-ayithem zeemvavanyo ezinokulindeleka kwiiMvavanyo zeNkqubo yeMfundo yeWCED.

6. Eyona njongo iphambili ngokubonelela ngale mizekelo kukunika izikolo ulwazi lokubhaliweyo neentlobo zemibuzo ezifumaneka kwiimvavanyo zenkqubo yezemfundo.

7. Ukufumana le mizekelo, landela inkqubo enikiweyo apha ngasezantsi:

  • Khetha i-ayithem yemenyu, u-"Assessment".
  • Kwi-drop-down menu, khetha i-icon ebonisa imizekelo yebakala elichaphazelekayo, umz. "Grade 3 Exemplars", "Grade 6 Exemplars" okanye "Grade 9 Exemplars".
  • Klikha kwinkalo yesifundo onqwenela ukuyivula: (Khetha phakathi ko-"Language" no "Mathematics".
  • Kuya kuvuleka iibhokisi zibe mbini okanye zibe ntathu zeelwimi onokukhetha kuzo.
  • Khetha ulwimi olufunayo uze ukopele imizekelo nesikhokelo sikatitshala.
  • Qaphela: Yonke imizekelo ikwi-PDF.
8. Funda apha ngasezantsi ukubuza malunga nayo nayiphi imibuzo yokubhaliweyo kule ngcaciso imfutshane:

Ekuqhagamshelwana naye Isithili
Dr Audrey Wyngaard, ifoni 021 467 9272
Audrey.Wyngaard@westerncape.gov.za
Metro East
Overberg
Ms Bukelwa Maxhakana, ifoni 021 467 9296
Bukelwa.Maxakana@westerncape.gov.za
Metro South
Cape Winelands
Dr Nomawabo Makapela, ifoni 021 467 9297
Nomawabo.Makapelao@westerncape.gov.za
Metro North
Eden & Central Karoo
Mr Vumile Nyalashe, ifoni 021 467 9350
Vumile.Nyalashe@westerncape.gov.za
Metro Central
West Coast
Izikolo ezizimeleyo


ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:01:10