1. ISetyhula 0019, yomhla we-8 Apreli 2013, yabonelela izikolo ngeeKhathalogu zikaZwelonke ezisekhompyutheni zeencwadi zezifundo zeCAPS ezivunyiweyo zamaBakala 7 – 9 neBakala 12.
2. Ukuncedisa izikolo ekukhetheni ezi ncwadi zezifundo, iSebe iWCED, libambisene nabapapashi, liya kulungiselela imiboniso yeencwadi zezifundo zeCAPS kwiindawo ezikhethiweyo kuzo zosibhozo izithili zemfundo ukuqala nge-13 – 27 Meyi 2013.
3. IsiHlomelo A sineshedyuli ebonisa umhla, indawo nomntu ekuqhagamshelwana naye ngomboniso ngamnye.
4. Umboniso ngamnye uya kuqala ngo-15:00 ngenkcazo-ntetho yokukhetha iincwadi zezifundo ezifanelekileyo noku-odola ngekhompyutha kwiCEMIS. Emva koko, ootitshala baya kuba nethuba lokuqwalasela iincwadi ezivunyiweyo.
5. Izikolo ziya kuba nako uku-odola iincwadi zazo zezifundo zeCAPS zamaBakala 7 – 9 neBakala 12 ngefasilithi yoku-odola yekhompyutha kwiCEMIS ukuqala nge-3 – 14 Juni 2013.
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:04:23

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 63 KB)