1. ISebe leMfundo esiSiseko liqeshe lo mboneleli-nkonzo, Price Waterhouse Coopers, ukuba afake ingcaciso entsha kwiSistim yoLawulo lweZiseko zoPhuhliso lweMfundo kuZwelonke (National Education Infrastructure Management System) phakathi kukaJanuwari 2013 noSeptemba 2013.
2. Okuqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo A yikopi yeleta evela kuMlawuli-Jikelele ebhalelwe iinqununu ngokumalunga nale projekthi. Kukwaqhotyoshelwe apha ilisti yazo zonke izikolo eziya kuba yinxalenye yale projekthi njengesiHlomelo B. Ezi zikolo ziya kutyelelwa ngabasebenzi (fieldworkers) abavela kwa-Price Waterhouse Coopers.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni licela izikolo ezichaphazelekayo ukuba zivumele abasebenzi abo bakwazi ukungena basebenze ukwenzela ukuba babe nokuhlola iziseko zophuhliso zesikolo ngasinye.
4. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2013:02:20

"IsiHlomelo A: Letter from the Director-General to Principals"  (ubukhulu: 60 KB)
"IsiHlomelo B: List of schools"  (ubukhulu: 31 KB)