1. |
ISebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho (iSebe i-DHET) linike onke amaziko emfundo noqeqesho lwabadala (adult education and training (AET) centres) eNtshona Koloni incwadi esetyenziswayo yolawulo lwezemali (financial management manual) ukuwancedisa kulawulo lwezemali. |
2. |
Ngaphezulu, iSebe i-DHET lenze uqeqesho kulawulo lwezemali kumagosa akwaNdlunkulu nawee-ofisi zezithili. |
3. |
ICandelwana le-AET ngoku lenze amalungiselelo okuba olu qeqesho lwenziwe kumalungu ebhunga lolawulo eziko le-AET likarhulumente alawula iimali. Uqeqesho luya kuqhubeka ngo-Oktobha 2013, kwaye imihla neendawo ezichaphazelekayo ekuya kuqhutyelwa kuzo uqeqesho kwizithili zemfundo zinikwe kwisiHlomelo P esiqhotyoshelwe apha. |
4. |
Kufuneka iziko ngalinye ekudityanelwa kulo (each main centre) lithumele abameli abathathu kuqeqesho, o.k.t. umphathi weziko, usihlalo webhunga lolawulo nonondyebo webhunga lolawulo. |
5. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2013:09:18
|
![](images/shim.gif) |