1. |
Njengenxalenye yephulo lokuphucula amathuba obomi bokuphila abantwana besizwe nokwandisa ukuthatha kwabo inxaxheba kwiiprogram zophuculo lwezikolo (school enrichment programmes), iSebe leMfundo esiSiseko namasebe emfundo amaphondo osithoba, aya kuba eququzelela umnyhadala wokhuphiswano lweekwayala i-South African Schools’ Choral Eisteddfod kwizikolo eziziiprayimari neziziisekondari ngo-2013. |
2. |
Nakuba kunjalo, iSebe iWCED lenze isigqibo sokuba ukulungiselela iinjongo zokuqhubeka kakuhle kokhuphiswano nezizathu zokhuseleko (logistical and safety reasons), izikolo eziphumelele kukhuphiswano lwamaphondo kwicandelo leSigaba seSiseko, mazingahambi zigqithele ngaphaya kwemida yePhondo leNtshona Koloni. |
3. |
Iinqununu maziqinisekise ukuba ukuprekthiza kwekwayala (rehearsing) kulungiselelwa umnyhadala makungaze naphantsi kwayo nayiphi na imeko kuphazamisane neprogram yokufunda yesikolo. Abafundi banelungelo lokufumana imfundo esemgangathweni bengaphazanyiswa, ngawo onke amaxesha. |
4. |
UMnyhadala ulungiselela iimvumi ezicula ngazodwa (soloists), ezicula ngamaqela (ensembles), neekwayala zezikolo kula macandelo alandelayo:
- ISigaba seSiseko
- ISigaba esiPhakathi
- ISigaba saBadala
- ICandelo le-Further Education and Training
|
5. |
Kumiselwe amaculo (pieces) kuwo onke la macandelo. |
6. |
Imijikelo yokukhetha izikolo ezigqwesileyo iya kubanjwa ngo-Apreli nangoMeyi kwisithili semfundo okanye kwizithili zemfundo ezisebenzisanayo ngokuxhomekeke kwinani lezikolo ezingenele umnyhadala wokhuphiswano lomculo. |
7. |
Imihla yemijikelo yokukhetha izikolo ezigqwesileyo iya kupapashwa ngabaququzeleli bezithili okanye bezikolo ezisebenzisanayo ungadlulanga owe-15 Matshi 2013. |
8. |
Iikwayala ezizintshatsheli kwiSigaba seSiseko, kwesiPhakathi, kwesaBadala neseFET nabacula ngabodwa (soloists) baya kumenywa ukuba bathathe inxaxheba kukhuphiswano lomijikelo wokugqibela wephondo (provincial finals), noluya kubanjwa ukususela nge-24 ukuya kwi-26 kaMeyi 2013. |
9. |
Amaculo amiselweyo angakhutshelwa (downloaded) kwiziko lewebhu leSebe iWCED apha www.curriculum-dev.wcape.school.za
- Klikha ku-"FET: Further Education and Training".
- Klikha ku-"Arts".
- Klikha ku-"Music".
- Khuphela amaculo amiselweyo nemigaqo yothatho-nxaxheba kwi-SASCE Downloads.
|
10. |
Ziyakhuthazwa zonke iikwayala zezikolo ukuba zithathe inxaxheba kulo mnyhadala wokhuphiswano lomculo. Ukungenela ukhuphiswano, kucelwa uzalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo uze uyithumele ngefeksi okanye nge-imeyili ungadlulanga owe-31 Matshi 2013 kwigosa elikwisithili semfundo sakho lophuculo lwesikolo, usebenzisa inombolo yefeksi echaphazelekayo okanye idilesi ye-imeyili ngezantsi apha.
|
11. |
ISebe iWCED ligqibe ekubeni ligxininise ngokungaphezulu kulawulo lwemali ngenkathalo (careful financial management) kuwo onke amanqanaba enkqubo yezemfundo ukususela ngo-2013, ngokukodwa kwizikolo eziziipriyimari. ISebe ke ngoko lifuna izikolo zilandele ngqo iinkqubo zolawulo lwemali ezichanekileyo (correct financial controls) yaye zingenise izicwangciso zomsebenzi oza kwenziwa ezichanekileyo (appropriate business plans) ukwenzela ukuxhasa ngezizathu ezivokothekileyo imfuneko yaloo nkcitho yazo. Abaququzeleli bezithili zemfundo baya kwazisa izikolo ngala manyathelo nezi nkqubo kwizithili zabo zemfundo ezichaphazelekayo. |
12. |
Iya kuthunyelwa enye imbalelwano yokongeza malunga noku kubaququzeleli bezithili zemfundo. Izikolo eziphumeleleyo ezimele iNtshona Koloni kwinqanaba likazwelonke ziya kufumana ingcaciso echanekileyo nesikhokelo kwi-ofisi yesithili semfundo nakubaququzeleli bephondo. |
13. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ababhexeshi beekwayala zezikolo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2013:03:08
|
![](images/shim.gif) |