1. Kufunyenwe izicelo ezininzi ezivela ezikolweni kwiPhondo leNtshona Koloni zokucela ukutenxa kwiikota zesikolo ezivunyiweyo nakwiiholide zikawonkewonke zika-2014.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni alikwazi kuzivuma izicelo ezilolu hlobo njengoko iikota zesikolo zika-2014 zenzelwa isigqibo liSebe leMfundo esiSiseko emva kothethathethwano olubanzi. Zonke izikolo zikarhulumente mazilandele ngqo ikhalenda yesikolo ka-2014.
3. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqwalaselo.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2013:11:19