1. |
Kwileta yomhla we-13 Matshi 2013, u-Umalusi wazisa zonke izikolo ezizimeleyo ngomgaqonkqubo wokuvunywa kokufaneleka kwezikolo ezizimeleyo. |
2. |
Lo mgaqo-nkqubo owavunywa nguMphathiswa weMfundo esiSiseko kazwelonke waza wapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 35830 nge-29 Oktobha 2012, wenza kunyanzeleke ukuba zonke izikolo ezizimeleyo zivunywe njengezifanelekileyo ngu-Umalusi. |
3. |
IMimiselo ephathelele kuBhaliso neeNkxaso-mali kwiZikolo eziZimeleyo kwiphondo leNtshona Koloni (The Western Cape’s provincial Regulations Relating to the Registration of and Subsidies to Independent Schools) (kungabandakanywa iZikolo eziziiPri-prayimari eziZimeleyo) icacisa oku kulandelayo phantsi kweSiqendu 2 (2)(h):
|
The owner of an independent school must ensure that … (iii) after registration, the independent school applies for accreditation with Umalusi; (Umnini wesikolo esizimeleyo makaqinisekise ukuba (iii) emva kobhaliso, isikolo esizimeleyo senza isicelo ku-Umalusi sokuvunywa njengesifanelekileyo (accreditation);
|
|
4. |
Ngako oko ke, ziyakhunjuzwa zonke izikolo ezizimeleyo ezibhalisiweyo ukuba u-Umalusi ufuna zenze isicelo sokuvunywa njengezifanelekileyo. Umgaqo-nkqubo ka-Umalusi ucacisa uthi, isikolo esingavunywanga njengesifanelekileyo luya kurhoxiswa ubhaliso lwaso njengesikolo esizimeleyo lisebe lemfundo lephondo. |
5. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni lisingethe inkqubo yokufakela izilungiso kule Mimiselo ukwenzela ukuba ingqinelane nalo mgaqo-nkqubo. |
6. |
Inkqubo emayilandelwe sisikolo xa sisenza isicelo sokuvunywa njengesifanekileyo icaciswe kwisiHlomelo A. |
7. |
Kucelwa uthumele nayiphi na imibuzo emalunga nezicelo zokuvunywa kwesikolo esizimeleyo njengesifanelekileyo komnye waba bantu balandelayo abaku-Umalusi:
Nks Faith Ramotlhale, ifoni 012 349 1510 ext 294, i-imeyili: faith@umalusi.org.za
Mnu Dawie Oberholster, ifoni 012 349 1510 ext 263, i-imeyili: dawie@umalusi.org.za
Nks Nombuyiselo Mabitsela, ifoni 012 349 1510 ext 305, i-imeyili: nombuyiselo@umalusi.org.za
Nks Khensani Motsi, ifoni 012 349 1510 ext 232, i-imeyili: khensani@umalusi.org.za
|
8. |
Sikhuthaza zonke izikolo ezizimeleyo ezingekasenzi isicelo sokuvunywa njengezifanelekileyo ukuba zenjenjalo ngaphandle kokulibazisa. |
9. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2013:11:01
|
![](images/shim.gif) |