1. ISiqendu 11(1) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, ka-1996 (uMthetho 84 ka-1996) sicacisa ukuba ibhunga elimele abafundi (representative council of learners) (RCL) malisekwe kuzo zonke izikolo zikarhulumente ezibhalisa abafundi beBakala 8 nangaphezulu.

2. I-RCL lelinye lawona maqela abaluleke gqitha ekuqinisekiseni ukuba kukho ukufunda nokufundisa okusemgangathweni ezikolweni. Ngako oko ke, ootitshala abangamagosa oqhagamshelwano (TLOs) mabaqinisekise ukuba baphucula izakhono zamalungu e-RCL ngamaphulo oqeqesho kubunkokeli nangeeprogram zophuhliso lolutsha.

3. Ukuqinisekisa ukuba ii-RCL ziqalisa ukusebenza kwasekuqaleni kuka-2014 kangangoko oku kunokwenzeka, kucetyiswa ukuba unyulo lwe-RCL, ukulungiselela u-2014, luqhubeke phakathi kwe-1 Novemba 2013 ne-31 Januwari 2014.

4. Uqeqesho lwee-RCL ezisandula kunyulwa maluqale nge-1 Februwari 2014.

5. IsiHlomelo A likhasi elisisishwankathelo ekufuneka iinkcukacha zee-RCL ezisandula kunyulwa zifakwe kulo. Ziyacelwa izikolo ukuba zisizalise esi sihlomelo zize zisithumele kumququzeli wazo wee-RCL wesithili.

6. Ikomiti yonyulo yesikolo
6.1 Makwakhiwe ikomiti yonyulo yesikolo ukuqinisekisa ukuba ziqala kwangethuba izicwangciso zonyulo lwe-RCL oluyimpumelelo.
6.2 Ziyakhuthazwa iikomiti zonyulo zezikolo ukuba zenze izicwangciso zazo zokunika inkxaso ngamandla ukukhuthaza abafundi ukuba bathathe inxaxheba kunyulo nokuqinisekisa ukuba kunyulwa abagqatswa abanako ukwenza umsebenzi. Izicwangciso zokunika inkxaso zibandakanya ukusasazwa kweekhrayitheriya zokukhetha amalungu angabafundi afanelekileyo.

7. Kufuneka iinqununu ziqinisekise ukuba, ukungqinelana nomthetho, amalungu e-RCL amabini anyulelwa ukuba abe kwibhunga lolawulo lesikolo ukususela nge-1 Matshi 2014.

8. Emva konyulo lwe-RCL entsha
8.1 Njengenxalenye yokuxhotyiswa kwamalungu ngezakhono, amalungu e-RCL asandula kunyulwa makaye kwiprogram yokuqhelaniswa nomsebenzi wawo eya kuququzelelwa ngumququzeleli we-RCL wesithili semfundo.
8.2 Iinqununu maziqinisekise ukuba inkqubo yokunikezela iintambo zolawulo ilandelwa ngokuchanekileyo ukusuka kwi-RCL ephumayo ukuya kwi-RCL engenayo.
8.3 Ziyakhuthazwa iinqununu ukuba zilungiselele amatheko okwamkelwa ngokusesikweni kwamalungu amatsha (inauguration ceremonies). Oku kungenziwa ngeendlela eziliqela, umz. kwiindibano zabafundi zesikolo okanye kwitheko elilodwa ekukho nabazali kulo. Ziyakhuthazwa ngamandla izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwimisebenzi eququzelelwe sisithili ukwamkelwa ngokusesikweni njengoko oko kukhuthaza uthetha-thethwano phakathi kwabafundi.
8.4 Ziyacelwa ii-TLOs ukuba ziqeqeshe ii-RCLs ukuba zilandele iiprogram ezingqinelana nombono kunye nenjongo ephambili yezikolo zazo. Amaxwebhu afana ne-Bill of Responsibilities, Values in Action: Manual for SGBs and RCLs, Guidelines for the Implementation of Peer Programmes for Learners in SA Schools, angasetyenziselwa ukuphucula indlela ezisebenza ngayo ii-RCL. Iikopi zala maxwebhu ziyafumaneka kuzo zonke izikolo. Akulindelekanga ukuba isikolo senzele iikopi onke amalungu e-RCL.

9. Ukuba izikolo zinayo nayiphi na imibuzo malunga nonyulo lwe-RCL, maziqhagamshelane naba baququzeleli bee-RCL bezithili balapha ngezantsi:

  • I-Metro East District: Nks Marion Rhoda, ifoni 021 900 7000 / 7162
  • I-Metro South District: Nks Akeda Isaacs, ifoni 021 374 4107
  • I-Metro North District: Nks Graze Ziegler, ifoni 021 938 3191
  • I-Metro Central District: Dr Sandren Naidoo, ifoni 021 514 6717
  • I-Cape Winelands District: Mnu Alton Koenze, ifoni 028 214 4600/73
  • I-West Coast District: Nks Maryke Cupido, ifoni 021 860 1200/12
  • I-Overberg District: Mnu Mike Kobus, ifoni 028 214 7368
  • I-Eden & Central Karoo District: Nks Rochelle Kock, ifoni 044 803 8346
10. Zakuba zifunyenwe zonke iilisti zamalungu ee-RCL asandula kunyulwa ezivela ezikolweni ngumququzeleli wee-RCL wesithili, mazifakwe emvulophini ziziswe kuNksz Zoliswa Lonja okule dilesi ilandelayo:

  Ms Zoliswa Lonja
Room 8-54, 8th Floor
WCED Head Office Grand Central Towers
Lower Parliament Street
Cape Town

11. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2013:10:16

"South African Schools Act"  (ubukhulu: 255 KB)
"IsiHlomelo A"  (ubukhulu: 28 KB)