1. Kuvunyiwe ukunyuswa komyinge wesona sixa-mali sincinane, ukususela nge-1 Apreli 2014, ukusuka kwi-R25 000 ukuya kwi–R60 000 ngonyaka, nesisetyenziselwa ukubala iibhasari zothutho lwabucala ezihlawulwa abafundi abahlwempuzekileyo abase-West Coast, e-Cape Winelands, e-Eden & Central Karoo kunye nakwizithili zemfundo ze-Overberg. (Jonga isiHlomelo A.)
2. Xa kubalwa igalelo lomzali ngokovavanyo lokujonga ubungakanani bentswelo, kuphela ngabantwana abazalwa ngabo bazali (biological parents) nabo bakhuliswa ngabo bazali (adopted children) nabo bantwana banonotshelwa ngabazali abangazalwanga ngabo (foster parents) (abafundi abathi ngokusemthethweni babe phantsi kononophelo lwabazali abangazalwa ngabo nabaye babhaliswe ngabo bazali babanonophelayo bangengobazali babo) abanokuthathwa njengabondliwa (dependants)).
3. Nakuba kunjalo, umzali othi ngenxa yemeko yengeniso yakhe akufanele ukuxolelwa ngokupheleleyo (total exemption) ekuhlawuleni iifizi zothutho lwabucala, kusaza kufuneka ahlawule i-R14-00 ngekota, kungakhathaliseki nto yokuba uxolelwe ekukhupheni nayiphi na intlawulo ngokovavanyo lokujonga ubungakanani bentswelo ngokwesiHlomelo A esiqhotyoshelweyo.
4. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2013:10:04

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 17 KB)