1. |
Ukuvota yinto ebaluleke kakhulu kuyo nayiphi na idemokhrasi yale mihla. EMzantsi Afrika oku kugxininiswe ngamandla kumgaqo-siseko wethu. Ngo-2014, abantu baseMzantsi Afrika baya kuthi kwakhona banikwe ithuba lokuba bavote kunyulo lukazwelonke nolwamaphondo. |
2. |
Isizukulwana esizalwe ngethuba lika-1994 – 1996 – uninzi lwabo lusesikolweni – siya kuba nethuba lokuvota kunyulo lukarhulumente wedemokhrasi xa kuqhutywa unyulo lukazwelonke nolwamaphondo ngoMeyi 2014. Ngokwedatha yoBalo lwabantu ngo-2011 (2011 Census data), kukho malunga nabantu baseMzantsi Afrika abayi-2,8 yezigidi abakwiminyaka yobudala eyi-18 ukuya kweyi-19, kodwa, ngelishwa, ngabavoti ababhalisileyo abayi-9.9% kuphela. Ukulungisa oku kumelwa ngomyinge osezantsi kolutsha kumqulu wabavoti (voters roll), kufuneka kugxininiswe ekubhaliseni ulutsha. |
3. |
IKhomishoni yoNyulo eZimeleyo (Independent Electoral Commission) (IEC) icele kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuncediswa ekubhaliseni abafundi abakubudala obufanelekileyo njengabavoti ngethuba elibekiweyo. I-IEC iya kutyelela izikolo ngethuba le-14 – 18 Oktobha 2013 ukuya kuqhuba iiprogram zokufundisa ngovoto nokubhalisa abafundi abakubudala bokuvota obufanelekileyo. Ugxininiso kubhaliso luya kuba kumaBakala 10 – 12. I-IEC iya kukhupha incwadana yokufunda ethi, Becoming a good citizen: Electoral Democracy Toolkit for teachers Grade 10-12. |
4. |
I-IEC iya kuthi kwakhona isasaze incwadana yokufunda eya kusetyenziswa ukuqalela kwiBakala R – 9 ethi, Not too Young: Teaching Electoral Democracy to Young South Africans. |
5. |
Kucelwa iinqununu zezikolo nee-SMT zincedise kule nkqubo ngokuthi
- zinyule ikomiti yootitshala nabafundi yokulawula le nkqubo nokuqhagamshelana namagosa e-IEC (Unokunyula amalungu e-RCL abe yinxenye yale komiti.);
- ziqaphele abafundi abakubudala obufanelekileyo bokuvota yaye ziqinisekise ukuba bayabhalisa;
- zikhuthaze abafundi ukuba babhalise, zisebenzise iindibano (assemblies), iileta eziya kubazali, izaziso zangaphakathi nezangaphandle; yaye
- zivumele amagosa avunywe ngokusemthethweni e-IEC ukuba angene esikolweni ukuza kufundisa ngokuvota nokubhalisa.
|
6. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2013:09:27
|
|