1. Imfuno yokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) yande kakhulu, yaye ukwenzela ukuba sigcine amagosa eSebe iWCED esazi ukuba zeziphi izikolo ekufumaneka kuzo iindawo zokwamkela abafundi, iSebe iWCED lenze iziko ledatha esekhompyutheni kwi-EduInfoSearch ukunika amagosa esebe ingcaciso ehlaziywa qho ngeendawo zokufunda ezifumanekayo kuso ngasinye isikolo salo.

2. Ukuncedisa iSebe iWCED ekulondolozeni iziko ledatha lalo, kuya kusetyenziswa le nkqubo yethutyana ilandelayo:
2.1 Iinqununu zezikolo mazazise qho umphathi weze-IMG wazo ngenani lezithuba ezifumanekayo zokwamkela abafundi kwizikolo zazo ngo-2014.
2.2 Le ngcaciso iya kufakwa ekhompyutheni imana ukuhlaziywa kwi-ofisi yesithili semfundo ngabasebenzi abangoomabhalane kwikomiti yesekethe nganye, ize ilondolozwe ngumphathi weze-IMG kwi-EduInfoSearch.

3. Injongo yeyokuba idatha engokwamkelwa kwabafundi, iya kuthi, kwixesha elizayo, ifakwe ekhompyutheni ezikolweni ukwenzela ukuba, xa eceliwe, amagosa eSebe iWCED akwazi ukwazisa abantu ukuba zeziphi izikolo ekusafumaneka kuzo iindawo zokufunda. Oku kuya kunceda ekuqinisekiseni iinkqubo zobhaliso lwabafundi ezikolweni ezilawulwa ngempumelelo.

4. Yakuba ifakiwe ekhompyutheni ingcaciso, oko kufanele kususe inxenye yoxinzelelo ezikolweni njengoko amagosa eya kuba nako ukubona ukuba zeziphi izikolo ezilwenze zalugqiba ubhaliso lwazo.

5. Kufuneka zonke izikolo zingenise le ngcaciso, nkqu nokuba ngaba akukho namnye umfundi obhalisileyo. Ziyacelwa izikolo eziseneendawo zokufunda ezivulekileyo ukuba zimana zisazisa qho i-ofisi yesithili ngenani leendawo ezisekhoyo.

6. Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukuba kufakwa idatha echanekileyo yaye zonke iindawo ezisafumanekayo ngokwenene zikho. Ngenxa yemfuno ephezulu yeendawo zokufunda ezikolweni, kubaluleke gqitha ukuba iinqununu ziqinisekise ukuba le ngcaciso ihlaziywa qho kunye nokuba umphathi weze-IMG ugcinwa esazi ngeendawo ezikhoyo zokwamkela abafundi ezikolweni.

7. Inkqubo esekhompyutheni iya kufumaneka ukulungiselela ukufaka le ngcaciso kwi-EduInfoSearch ukususela nge-2 Septemba 2013. Izikolo ezininzi seziyingenisile le ngcaciso kwii-ofisi zezithili zazo yaye ke ngoko kufuneka nje ukuba zimana ukuyihlaziya.

8. Kucelwa niqaphele ukuba zonke izikolo kufuneka zifake ingcaciso ngeendawo zazo zokwamkela abafundi okokuqala (their initial admission spaces information) kwii-ofisi zezithili zemfundo ungadlulanga umhla we-9 Septemba 2013, kuze oko kulandelwe kukuhlaziywa kwengcaciso okwenziwa qho ngeveki zide zonke iindawo ezifumanekayo zibe zizalisiwe.

9. Injongo yeyokuba yonke le ngcaciso mayifakwe ekhompyutheni ize ifumaneke kumagosa eSebe iWCED kwi-EduInfoSearch ungadlulanga uLwesine, we-12 Septemba 2013.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2013:09:04