1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lizimisele ekuqinisekiseni ukusetyenziswa kwexesha lokufunda nokufundisa ngeyona ndlela inenzuzo enkulu. Ngako oko ke, luxanduva lwesikolo ngasinye ukukhusela ixesha lokufundisa nokuxhasa ukufunda iintsuku eziyi-199 xa zizonke kulo nyaka, ngokungqinelana noMgaqo-nkqubo wokuHamba iSikolo waBafundi kuZwelonke (National Learner Attendance Policy).

2. Bayacelwa bonke abasebenzi abasezikolweni nakwii-ofisi zezithili zemfundo ukuba baqaphele oku kulandelayo:
2.1 Luxanduva lwesikolo ngasinye ukucwangcisa iprogram yaso yamathuba okubhalwa kweemviwo nasemva kweemviwo kude kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo, kunye nokwazisa bonke abafundi, abazali kunye nee-ofisi zezithili zemfundo ngeprogram leyo ngokufanelekileyo.
2.2 Ziyakhunjuzwa izikolo ezifundisa amaBakala 4 – 11 ukuba makungabikho luviwo luqala phambi kowe-27 Meyi 2013 nowe-11 Novemba 2013. Nakuba kunjalo, izikolo zinokwenza isicelo kumlawuli wesithili semfundo sokufumana imvume yokuqalisa iimviwo zeprakthikhali (practical examinations) kwangaphambi kwexesha kwizifundo ezithile.
2.3 Akukho sikolo sivumelekileyo ukuvala phambi kwentsimbi ye-13:00 ngethuba kubhalwa iimviwo. Xa kusenziwa amalungiselelo okuvala kwangoko, makuthathelwe ingqalelo ukhuseleko nokuthuthwa kwabafundi. Kubalulekile ke ngoko ukuba abazali baziswe kwangaphambili ukwenzela ukuba bakwazi ukwenza amanye amalungiselelo.
2.4 Kufuneka bonke abafundi bahambe isikolo ngalo lonke ithuba lokubhalwa kweemviwo, ngaphandle kwabafundi beBakala 12, abaya kuba nelungelo lokufumana iintsuku ezi-5 zokufunda phambi kokuqala koviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
2.5 Izikolo mazingaze zazise abafundi ukuba sisigqibo somfundi ngamnye ukuba aye okanye angayi esikolweni emva kokuba iimviwo ziphelile kwikota leyo okanye xa bengabhali zimviwo okanye zimvavanyo.
2.6 Bonke ootitshala kulindeleke ukuba babe sesikolweni usuku lonke lwesikolo yonke imihla (iiyure eziyi-35 ngeveki), ngethuba lokubhalwa kweemviwo, kungakhathaliseki nokuba babelwe umsebenzi wokugada abaviwa okanye akunjalo.

3. Amagosa ezithili zemfundo aya kukubeka esweni ukuphunyezwa kwale miyalelo. Ziyacelwa iinqununu namabhunga olawulo ezikolo ukuba zikuqwalasele ngokukodwa ukwenziwa kweeprogram zazo ngala mathuba akhankanywe apha ngasentla, ukwenzela ukuba kungabikho xesha lokufundisa elixabisekileyo lilahlekayo.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2013:04:16