1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kukhupha iZintlu zeZithuba ezi-3 ngo 2014 zootitshala abasezikolweni. |
3. |
ISebe iWCED alisayi kuba neZintlu zeZithuba ezahlukeneyo zamanqanaba ezithuba ahlukeneyo. Zonke izithuba zootitshala ezingenamntu kufuneka ke ngoko zipapashwe kwiZintlu zeZithuba ngokukhawuleza kangangoko. |
4. |
Kuya kuvunyelwa ukupapashwa kwezithuba zamaSekela-nqununu nezeeNqununu xa kukho imfuneko yoko naphantsi kweemeko ezizodwa. Ezi zithuba ziya kupapashwa kwiZintlu zeZithuba eziZodwa kwakubakho imfuneko yoko. |
5. |
Ziyacelwa iinqununu namabhunga olawulo ezikolo ukuba zincede ziqinisekise ukuba izithuba ezipapashiweyo zizaliswa ngokusebenzisa ikhompyutha ungadlulanga umhla obekiweyo kwidrafti yeZintlu zeZithuba kweli ziko lewebhu http://wced.school.za Akukho zifom zibhalwa ngesandla emaphepheni ziya kwamkelwa. Iinqununu mazithetha-thethane nabaphathi beekomiti zeesekethe bazo ukuba zifumana iingxaki ekuzaliseni izaziso zezithuba ezipapashwa kwiZintlu zeZithuba eziyidrafti kwiziko lewebhu.
|
6. |
Izicelo mazingeniswe ngohlobo oluchazwe kwisandulela soLuhlu lweZithuba ngalunye. Izicelo mazingeniswe ngekhompyutha, kusetyenziswa i-e-Recruitment System for Educators: "Recruiting the Best". |
7. |
Ezi Zintlu zeZithuba ziya kuthunyelwa yiRejistri yeSebe iWCED, zize zibe nako ukujongwa kwiZiko leWebhu apha http://wced.school.za, Klikha ku-"vacancies" kwi-home page yeziko lewebhu ukufikelela kwi-e-Recruitment System for Educators. |
8. |
Intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo iya kuqinisekisa ulawulo ngempumelelo lwenkqubo yokuqesha kwaye iya kuthakazelelwa kakhulu. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:10:23
|
 |