1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) likuxabisile ukuzimisela kwabaqeshwa benkonzo karhulumente ekwandiseni ulwazi lwabo lwemfundo nasekuphuhliseni izakhono zabo.

2. Ngenxa yesi sizathu, iSebe iWCED lincedisa abaqeshwa ngemali ukuba baqhubele phambili ngezifundo zabo, kwaye licela abaqeshwa benkonzo karhulumente abanqwenela ukwenza izifundo ngokungesosigxina (part-time) ngo-2014 ukuba benze izicelo zeebhasari.

3. Iibhasari ziya kunikwa abenzi-sicelo kuphela ukuba:

  • bangabaqeshwa abaqeshwe ngokoMthetho weNkonzo kaRhulumente, ka-1994 (uMthetho 103 ka-1994);
  • baqeshwe ngokusisigxina liSebe iWCED;
  • bayahlangabezana nemiqathango yokwamkelwa yeziko lemfundo elichaphazelekayo;
  • bazimisele ukwenza izifundo ngokungesosigxina ngo-2014;
  • abafumani bhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari; kwaye
  • bangabemi baseMzantsi Afrika.
4. Zonke izicelo ziya kuphononongwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

  • Ukufaneleka kwenkalo yezifundo ekujoliswe kuyo ngokunxulumene neemfuno zangoku nezexesha elizayo zeSebe iWCED;
  • Imfuno yecandelo elichaphazelekayo yezakhono ezithile okanye ezinqabileyo;
  • Ubulungisa kwezengqesho (ngokohlanga, isini, ukhubazeko);
  • Iindawo zasemaphandleni xa kuthelekiswa nezasezidolophini;
  • Ukufaneleka kwezifundo kwinkcazo yomsebenzi othile;
  • Ukufaneleka ngokwenjongo yezophuhliso (Developmental relevance);
  • Ezinye iziqinisekiso;
  • Amanqanaba omvuzo;
  • Izifundo zasemva kwesidanga sokuqala xa kuthelekiswa nezifundo zesidanga sokuqala;
  • Ingcebiso yesuphavayiza, nekufuneka iqhotyoshelwe kwisicelo;
  • Ukufumaneka kwemali; kunye
  • Neemfuno zoMthetho woBulungisa kwezeNgqesho (Employment Equity Act (Act 55 of 1998)), zoMthetho woPhuhliso lweZakhono (Skills Development Act (Act 97 of 1998)) kunye neminye imithetho echaphazelekayo.
5. Sinqwenela ukwazisa abo bangaba ngabenzi-sicelo sebhasari kwezi nkalo zezifundo zilandelayo, apho kukho ukunqongophala kwabasebenzi abaqeqeshiweyo kunye/okanye imfuno yesebe ethe gqolo:

Ino. Uhlobo lwesiqinisekiso Inkalo yesifundo
1. Isidanga okanye idiploma Supply Chain Management, Procurement Management
2. Isidanga okanye idiploma Financial Management, Financial Management Systems, Accounting, Auditing
3. Isidanga okanye idiploma Human Resource Management
4. Isidanga okanye idiploma Public Management

6. Zonke izicelo mazingeniswe ngekhompyutha (online) ungadlulanga umhla wokuvala – uLwesihlanu we25, Oktobha 2013. I-URL yezicelo zeebhasari yile http://bursaries.westerncape.gov.za/

7. Ngasinye isicelo sebhasari ngekhompyutha (online) masibe nala maxwebhu alandelayo:

  • Ifom ezalisiweyo yeSicelo seBhasari yokuFunda (Iyafumaneka kwikhompyutha (online))
  • Uqikelelo lweendleko zokufunda olubhaliweyo (ezobhaliso, ezezifundo nezinye iindleko ezinxulumene nezifundo) zonyaka wezifundo ka-2014. Le ngcaciso iyafumaneka kumaziko emfundo ephakamileyo.
  • Ingcebiso yesuphavayiza ebhalwe kwifom yokwenza isicelo.
8. Aziyi kuqwalaselwa izicelo ezifike emva kwexesha elibekiweyo, ezithunyelwe ngefeksi okanye engabonakaliyo into ebhalwe kuzo.

9. IKomiti yeBhasari iya kuqwalasela zonke izicelo ize emva koko yenze iingcebiso zokukhutshwa kweebhasari. Imali eyabelwe ibhasari ayisayi kuba ngaphezu kweefizi zobhaliso nezokufundiswa, kodwa oko kungathethi ukuba kuya kuhlawula zonke iindleko. Inani lezicelo zeebhasari elifunyenweyo liya kusetyenziselwa ukubala inani leebhasari elikhutshwayo.

10. Ngabaphathi abakhulu beSebe iWCED abaya kunika imvume yokugqibela ngenani leebhasari eliya kukhutshwa.

11. Ngamnye umenzi-sicelo ophumeleleyo uya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano esemthethweni neSebe iWCED yokunika inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye wokunikwa kwakhe ibhasari nokuthobela eminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano.

12. Imbalelwano iya kuthunyelwa kuphela kubenzi-sicelo abaphumeleleyo. Ukuba akwenziwanga qhagamshelwano nawe kwiiveki ezi-6 emva komhla wokuvala, kuthathe oko njengokuba isicelo sakho asibanga yimpumelelo.

13. Ungathandabuzi ukuqhagamshelana nabantu abakhankanywe kwiletahedi yale ngcaciso imfutshane ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu ngeskim seebhasari.

14. Kucelwa uqinisekise ukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abakwicandelo lakho bayakwazi okukule ngcaciso ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:09:30

"Public Service Act, 1994"  (ubukhulu: 183 KB)
"Employment Equity Act, 1998"  (ubukhulu: 1 407 KB)
"Skills Development Act, 1998"  (ubukhulu: 282 KB)