1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kupapasha uLuhlu lweZithuba (Vacancy List) olunye ngo-2013 zabasebenzi benkonzo karhulumente abakumaziko emfundo, olugxininisa kwizithuba zonyuselo-sikhundleni.
2. Umhla wopapasho wolu Luhlu lweZithuba, kwakunye neminye imihla ebalulekileyo, ifakwe kwesi sihlomelo siqhotyoshelwe apha.
3. Izithuba ezingenamntu okanye izithuba ezixhaswa ngemali ziya kuqatshelwa kwinani lezithuba zabasebenzi abaqeshwe kwiziko beSebe iWCED zize zipapashwe ngoko nangoko lisebe.
4. Izicelo mazingeniswe ngendlela echazwe kwisandulela soLuhlu lweZithuba ngalunye.
5. ULuhlu lweZithuba luya kuthunyelwa yi-Registry yeSebe i-WCED, yaye luya kufumaneka kwi-WCED Website apha http://wced.school.za/home/home.html. Klikha ku-"Vacancies" kwi-website's home page.
6. Le ngcaciso imfutshane mayaziswe bonke abasebenzi ukuze bayithathele ingqalelo.
7. Intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo iya kuqinisekisa ulawulo oluyimpumelelo lokuqeshwa kwabasebenzi yaye iya kuthakazelelwa kakhulu.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:09:06

"Institution Based Public Service Posts - 2013 Roster"  (ubukhulu: 35 KB)