1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) linovuyo ukupapasha ukuba kukho iibhasari eziyi-66 zeemeko ezizodwa zeFunza Lushaka (extraordinary Funza Lushaka bursaries) zonyaka wokufunda ka-2014 kubafundi beBakala 12 abanenjongo yokulandela izifundo zokufumana isiqinisekiso sokuqeqeshelwa ukufundisa (formal teaching qualification).

2. I-National Development Plan 2030 icebisa ukuba makutsalwe umdla wootitshala abatsha yaye ikwacacisa nokuba "iiprogram zebhasari zokuqhubeka nophuhliso lwabaqeqeshelwa ukufundisa zinokuwuphucula umgangatho wokufundisa yaye zincede ekutsaleni umdla nokugcina ootitshala beqhubeka nokwenza lo msebenzi".

3. ISebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (iSebe i-DBE) lineprogram yeebhasari ebizwa ngokuba yiFunza Lushaka Programme, ebonelela abafundi abapasa emagqabini ngeebhasari zokuhlawula ngokupheleleyo iifizi zokufunda, ezendawo yokuhlala nokutya, isibonelelo seencwadi zezifundo, seenowuthsi nefizi zelebhu (notes and laboratory fees) (apho kufanelekileyo), nemali yaqho ngenyanga (monthly stipend) yokuhlawulela iintwana-ntwana eziyimfuneko (basic living expenses).

4. I-Funza Lushaka Bursary Programme yiprogram yeminyaka emininzi (multi-year programme) eyaqaliswa ngo-2007 ukwenzela ukuphucula umsebenzi wokufundisa kwizikolo zikarhulumente njengekhondo elinokukhethwa ngabemi baseMzantsi Afrika abanako nabazimiseleyo. Le program iqhutywa apha eNtshona Koloni kumaziko emfundo ephakamileyo amane (higher education institutions (HEIs)) aseNtshona Koloni, o.k.t. kwiYunivesiti yaseNtshona Koloni, kwiYunivesithi yaseKapa, kwiYunivesithi yaseStellenbosch nase-Cape Peninsula University of Technology.

5. Ngo-2012, iSebe i-DBE laqalisa iprogram yokugaya abafundi eqhubekela kwizithili zemfundo (district-based recruitment programme) ethagetha abafundi abakwiindawo ezingamaphandle nezithwaxwa yintlupheko (izikolo zamaNqanaba eNtlupheko 1 – 3) ukubanceda ukuba bafumane iibhasari zeFunza Lushaka. ISebe iWCED ke ngoko, liya kunika abafundi iibhasari eziyi-66 zeemeko ezizodwa (66 extraordinary bursaries) kuphela, kwizikolo ezikwiingingqi ezisemaphandleni, kuthathelwa ingqalelo iimfuno zezithili zemfundo ezisemaphandleni.

6. Ukunikwa kwabafundi iibhasari kuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:

  1. Iprogram iya kuxhasa ngemali abafundi abanqwenela ukugxininisa kwimfundo yeSigaba seSiseko (Foundation Phase education) (AmaBakala R - 3) okanye abo banenjongo yokufundela isidanga se-B Ed, begxininisa kwi-Mathematics kunye/okanye kwi-Science.
  2. Ibhasari yeyonyaka wokufunda omnye ngexesha yaye, xa kukho ubungqina bokuphumelela kwizifundo, inokuhlaziywa kunyaka ngamnye de lowo onikwe ibhasari aphumelele isiqinisekiso sokuba ngutitshala oqeqeshiweyo.

  3. Kuya kufuneka onikwe ibhasari afake isicelo kwakhona ekupheleni kuka-Oktobha kunyaka ngamnye ukwenzela unyaka olandelayo.

  4. Akuyigqiba ikhosi yezifundo, umfundi onikwe ibhasari kuya kufuneka afundise esikolweni esisemaphandleni esikwingingqi yakhe ahlala kuyo njengangoku ithuba lonyaka omnye ngonyaka ngamnye afumene ibhasari ngawo.
7. Abenzi-sicelo abalindelekileyo mabenze izicelo zokwamkelwa kumaziko azii-HEI anikwe kumhlathi 4 apha ngentla yaye mabazifezekise iimfuno ezimiselweyo zokwamkelwa kula maziko. Iibhasari ziya kunikwa ngokwezinto aqaqambe ngazo umenzi-sicelo (on merit) yikomiti yokhetho ekwaNdlunkulu weSebe iWCED eKapa, ngokusekelwe kwezi khrayitheriya zezifundo (academic criteria) zizezona zisezantsi zilandelayo:

  1. Ukupasa kwinqanaba leBakala 12 lokuba "abe nokwamkelwa kwizifundo zesidanga sokuqala ("admission to Bachelor's degree studies").

  2. Ubuncinane linqanaba elingu-Level 4 pass, okanye ukupasa ngo-50% kwisifundo umfundi aya kugxininisa kuso kwikhosi yakhe ye-B Ed.

  3. Kubafundi abanqwenela ukugxininisa kwiSigaba seSiseko, kufuneka bapase iMathematika okanye uLwazi lweMathematika kwiBakala 12. Ukongeza apho, kuya kufuneka bapase ngenqanaba elingu-Level 5 pass (ukupasa ngo-60%) kuLwimi lweeNkobe.
8. Umhla wokuvala ukwamkelwa kwezicelo yi-22 Agasti 2013. Iifom zokwenza isicelo zinokufunyanwa zizikolo ngokuqhagamshelana nelinye lala magosa eSebe i-WCED kwaNdlunkulu:

  • Mnu Alfred Shasha, inombolo yefoni 021 467 2550
  • Nks Patience Funani, inombolo yefoni 021 467 2243
9. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane abafundi beBakala 12 besikolo sakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-I CAROLUS
UMLAWULI OYINTLOKO WECANDELO LEZABASEBENZI
UMHLA: 2013:08:08

"Funza Lushaka Bursary Programme 2014 Application form"  (ubukhulu: 78 KB)