1. Inkqubo yokuqeshwa njengotitshala ose-ofisini obambeleyo kwisithuba esiphezulu esingenamntu nesixhaswa ngemali nengcaciso ngokuhlawulwa kwesibonelelo sokubambela kwiimeko ezilolu hlobo yayaziswe kwiiSetyhula 0103/2002, 142/2003 no-10/2010. Le setyhula yeyokongezelela nokuphinda icacise imigaqo yezo setyhula zangaphambili.

2. Makungqinelwane ngqo nezi nkqubo zilandelayo, ngokwemigqaliselo yoMmiselo B5 yeMimiselo yeNkonzo kaRhulumente ka-2001, kunye neSigqibo 9 sePSCBC sika-2001 neSigqibo 1 sePSCBC 1 sika-2002 malunga nentlawulo yezibonelelo zokubambela, xa kutyunjwa ootitshala abasezi-ofisini okanye abaqeshwa benkonzo karhulumente abaza kuqeshwa ukuba babambele kwizithuba eziphezulu ezingenamntu nezixhaswa ngemali:

  1. Kuphela ngumqeshwa oqeshwe isigxina liSebe iWCED onokuqeshwa kwisithuba esiphezulu sokubambela esingenamntu nesixhaswa ngemali.

  2. Ithuba lokuqeshwa malibe lelingakhange liqhawuke yaye libe ngaphezulu kweeveki ezintandathu (6), kodwa lingadluli kwiinyanga ezilishumi elinambini (12).

  3. Intloko yecandelo mayazise umqeshwa ngencwadi ebhaliweyo malunga nokuqeshwa kwakhe kwisithuba esiphezulu esingenamntu nesixhaswa ngemali kwisikhundla sokubambela yaye umqeshwa lowo makakwamkele okanye angakwamkeli ukuqeshwa kwakhe ngencwadi ebhaliweyo.

  4. Isibonelelo sokubambela siya kuhlawulwa, ngokuxhomekeka ekubeni isithuba asinamntu yaye sixhaswa ngemali. (Akukho sibonelelo sokubambela siya kuhlawulwa kubasebenzi ababambeleyo kwisithuba eso ngenxa yokuba lowo usesikhundleni esekhefini.)

  5. Isibonelelo sokubambela ngumahluko phakathi kwenotshi yomvuzo womqeshwa awufumana ngelo xesha nenotshi yomvuzo womntu oqalayo kwisithuba esiphezulu esingenamntu nesixhaswa ngemali.

  6. Ukuba umqeshwa ukwinotshi yomvuzo (kubandakanywa inotshi eyenzelwe yena buqu) (personal notch)) engaphezulu kwenotshi yomvuzo womntu oqalayo kwisithuba esiphezulu esingenamntu nesixhaswa ngemali aqeshwe kuso, isibonelelo sokubambela siya kuba ngumahluko phakathi kwenotshi yomvuzo wakhe ngelo xesha nenotshi yomvuzo elandelayo ephezulu echaphazelekayo kwisithuba esiphezulu esingenamntu, ngokuxhomekeka ekubeni ukho umahluko. Ukuba isithuba esiphezulu esingenamntu nesixhaswa ngemali sisithuba senkonzo yabaphathi abakhulu, uya kuhlawulwa umahluko phakathi kwenotshi yomvuzo wakhe ngelo xesha ne-70% ebandakanya iphakheji yomvuzo oqwalasela iimfuno zomsebenzi (flexible remuneration package), ngokuxhomekeka ekubeni ukho umahluko.

  7. Isibonelelo sokubambela asixhuzulwa mali yomhlala-phantsi.

  8. Isibonelelo sokubambela siya kuhlawulwa qho ngenyanga, ngokuxhomekeka ekubeni intlawulo yokuqala yenzeka kwinyanga elandela emva kokuba kuphele iiveki ezintandathu ezikhankanywe kumhlathi 2(b) apha ngasentla.
3. Inkqubo yokutyumba abagqatswa:

  1. Yintloko yecandelo emayityumbe abantu.

  2. Umntu okwesona sikhundla siphezulu kwikhomponenti udla ngokuba nguye ozalisa isithuba sokubambela esiphezulu esingenamntu nesixhaswa ngemali.

  3. UMlawuli makangqinisise ukuba inkqubo yotyumbo iyangqinelana ngqo nemigqaliselo yaye makaqinisekise ukuba onke amaxwebhu achanekileyo afikile phambi kokuvuma isicelo nokusithumela kuMlawuli weCandelo loLawulo lwezaBasebenzi.

  4. Kwiimeko apho kukho ukutenxa kumhlathi 3(b), makungeniswe izizathu ezipheleleyo ezixhasa oko. Malunga noku, kucelwa uqwalasele into yokuba luxanduva lwebhunga elisingethe umsebenzi wokutyumba ukwazisa umqeshwa, ngencwadi ebhaliweyo, ngesizathu sokuba kungani na engafanelekanga ukuba azalise isithuba esiphezulu esingenamntu nesixhaswa ngemali njengobambeleyo.
4. Le fom yesicelo eqhotyoshelwe apha yesibonelelo sokubambela mayizaliswe ize ingeniswe kuMlawuli weCandelo loLawulo lwezaBasebenzi ukwenzela ukuba kulungiswe intlawulo yesibonelelo sokubambela. Izizathu ezixhasayo ezibhaliweyo nezicacisa ngokupheleleyo mazihanjiswe kunye neemeko zokutenxa kuyo nayiphi na imigqaliselo emiselweyo.

5. Ukuqeshwa kwabo bonke abasebenzi ababambeleyo kuxhomekeke kwimvume yoMlawuli oyiNtloko wezaBasebenzi. Makwenziwe zonke iinzame zokufumana imvume phambi kokuba aqale kwisithuba sobambeleyo.

6. Abaqeshwa mabaqaphele ukuba ukuqeshwa kwabo njengababambeleyo akubaniki lungelo okanye kulindela ngokusemthethweni ukuqeshwa isigxina kwisithuba eso sakubanje sipapashiwe.

7. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abaqeshwa ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:04:26

UKUTYUNJELWA KWISITHUBA SOKUBAMBELA ESIHAMBA NENTLAWULO YEMALI  (ubukhulu: 102 KB)