1. Ukwenzela ukuba kuqinisekiswe ukusebenza ngobuchule obumandla kweenkqubo zokugaya nokukhetha abasebenzi, kuqinisekiswe inani leebhulethini zezithuba zootitshala abasezi-ofisini nezabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini zango-2013.
2. Inani leebhulethini zezithuba zootitshala abasezi-ofisini lango-2013 lihambelana nomhla wokuqaliswa komsebenzi ngosuku lokuqala lwekota yesikolo.
3. Inani lezithuba zabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini li-11, kuze kuqaliswe ngokwenziwa komsebenzi ngosuku lokuqala lwenyanga nganye emva komhla wokuvunywa kwengqesho. Kucelwa kwakhona uqaphele ukuba upapasho lwebhulethini yezithuba ka-2013 yabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini iya kuba yi-25 Oktobha 2013 ukuvumela ukugqitywa kwangethuba kweenkqubo zokugaya kwanokukhetha abagqatswa ekuzeni kuphela konyaka.
4. Ezi bhulethini zezithuba zombini ziqhotyoshelweyo apha ezenzelwe amacandelo achaphazelekayo ziya kunika ithuba locwangciso oluqingqiweyo.
5. Abaphathi bamacandelo bayacelwa bahambelana mbo nala maxesha aqingqiweyo achaziweyo. Kucelwa, ke ngoko ukuba upapasho lwezithuba lungeniswe kwiRecruitment and Selection Centre ngoLwesihlanu, ubuncinane kwiveki enye phambi komhla wopapasho lwezithuba. Ngaxeshanye, ngoko nangoko ukuba lungeniswa olu papasho, icandelo elichaphazelekayo kwakhona malichaze ukuba ngoobani amalungu ephaneli, umhla wokwenziwa koluhlu olufutshane lwabagqatswa (shortlisting) kwanomhla wodliwanondlebe. Abaphathi bamacandelo baya kunika ithuba iRecruitment and Selection Centre yabe izibonelelo zoncedo (resources) ukwenzela ukuba ikwazi ukufezekisa izicelo eya kuzivumela ukwenzela ukusebenza ngempumelelo emandla kweenkqubo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:01:03

"Vacancy Bulletin Roster for Office-based Educators: 2013"  (ubukhulu: 28 KB)
"Vacancy Bulletin Roster for Office-based Public Service Staff: 2013"  (ubukhulu: 33 KB)