1. ISiqendu 33 soMthetho wezeNgqesho yooTitshala, 1998 (uMthetho 76 ka-1998); neSiqendu 30(b) soMthetho weNkonzo kaRhulumente, 1994, zasisa bonke abaqeshwa ngembopheleleko yabo (their obligation) yokwenza isicelo semvume kwiNtloko yeSebe ukuba banqwenela ukwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente.
2. Bonke abaqeshwa beSebe leMfundo leNtshona Koloni ngokwenjenje bayacelwa ukuba bazalise isatifikethi esiqhotyoshelweyo, kungakhathaliseki nokuba bayawenza okanye banenjongo yokuqalisa ukwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente. Ngokuphathelele koku kucelwa ufunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo lezoLawulo lwaBasebenzi 0004/2013.
3. Kubalulekile ukuba ikopi yesatifikethi esiqhotyoshelweyo izaliswe ngumqeshwa ngamnye ize ingeniswe ungadlulanga owe-28 Novemba 2013.
4. Abaqeshwa abakwii-ofisi zezithili, abasezikolweni nabaqeshwe kumaziko mabangenise izatifikethi zabo ezizalisiweyo, ngokudlula kumphathi weze-IMG okanye kumphathi wekomiti yesekethe, zithunyelwe kumlawuli wesithili. Ngenye indlela, iinqununu zezikolo zinokufaka ezo zatifikethi kwi-Human Capital Leave Management System.
5. Abaqeshwa bakwaNdlunkulu mabangenise ezabo izatifikethi ezizaliswe ngokupheleleyo kubalawuli abachaphazelekayo.
6. Abalawuli nabo mabazidlulisele izatifikethi ezizalisiweyo kule dilesi ilandelayo:

  Head: Education
For attention: Director: Human Resource Management
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000
7. Amagosa akwizikhundla ezingaphezulu kwesomlawuli makangenise ngqo izatifikethi zawo ezizalisiweyo kule dilesi ingasentla.
8. Abaqeshwa abankcukacha zabo zayanyaniswa nenkampani yabucala kwirejista i-Companies and Intellectual Commission’s register nabo bangasathathi nxaxheba kumsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, kucelwa baqinisekise ukuba bacinyiwe kwirejista.
9. Ukungaphumeleli komqeshwa ukufumana kwangaphambili imvume yokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente kuya kubangela ukuba umqeshwa abekwe ityala lokuziphatha kakubi.
10. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:11:08

"Employment of Educators Act, 1998"  (ubukhulu: 160 KB)
"Public Service Act, 1994"  (ubukhulu: 183 KB)
"Remunerated work outside the Public Service Certificate"  (ubukhulu: 52 KB)