1. Ngethuba bekubalwa istokhwe ngonyaka-mali ka-2012-2013, kufunyenwe iimpazamo ezithile ngokumalunga nokuchithwa kwee-asethi.

2. Ngokwesiqendu 38(1)(a) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, 1999 (uMthetho 1 ka-1999), (Public Finance Management Act, 1999 (Act 1 of 1999)(PFMA)), iGosa eliMele ukuPhendula ngokuSetyenziswa kweMali (Accounting Officer) linoxanduva lokulawula imali nezinto ezingayilahleko, kwakunye nokusetyenziswa ngempumelelo nangendlela eyiyo kwazo zonke ii-asethi. Ngaphezulu, iCandelo 10.1.1 loMyalelo we-Ofisi kaNondyebo wePhondo leNtshona Koloni, owawukhutshwe ngokwesiqendu 18(2) sePFMA nge-28 Matshi 2012, lifuna ukuba iGosa eliMele ukuPhendula ngokuSetyenziswa kweMali okanye igunya lolawulo lwemicimbi yemali liqinisekise ukuba inkqubo yolawulo lokuthengwa kweempahla neenkonzo (supply chain management system) ibonelela ngenkqubo esebenza ngempumelelo nangendlela eyiyo yokulawula ukuchithwa kwezixhobo zokusebenza nekufuneka inciphise ukugcinwa kwezixhobo ezingaphezu kwemfuneko (surplus) kunye nee-asethi ezisetyenziswa kancinane (under-utilized assets).

3. Ngenxa yoku kulapha ngasentla, makulandelwe ngqo le migaqo ilandelayo kwinkqubo yokuchithwa kwee-asethi ezishenxisekayo (moveable assets) (ifanitshala ye-ofisi nezixhobo zokusebenza ze-ofisi, kubandakanywa nezixhobo zekhompyutha):
3.1 Makuzaliswe i-Log 1 requisition form ize isayinwe ngumphathi ojongene nestokhwe wecandelo leziko eliya kuhlawula iindleko. Le fom izalisiweyo mayingeniswe kuMnu A Betz, Room 620, 6th Floor, Grand Central Towers Building, Cape Town, 8001. Le ngcaciso ilandelayo engempahla eza kuchithwa (engeempahla eziza kuchithwa) mayibhalwe kwi-Log 1-form.

  • Inkcazo epheleleyo
  • Imeko (condition) yempahla
  • Indawo kanye ekuyo impahla (isakhiwo, umgangatho nenombolo yegumbi)
  • Inombolo yebhakhowudi
  • Inombolo yolandelelwano (serial number) yempahla, apho kusebenzayo oku
3.2 Ukuba akukho sithuba saneleyo sokudwelisa zonke iimpahlaa kwi-Log 1-form, kungaqhotyoshelwa uluhlu olwahlukileyo lweempahla eziphawulelwe ukuchithwa. Nakuba kunjalo, ingcaciso edweliswe kumhlathi 3.1 apha ngasentla mayinikwe kwinto nganye. Abaphathi abajongene nestokhwe mabaqinisekise ukuba kwimeko yokufakwa kwezixhobo ze-IT ezitsha endaweni yezidala ebezikhona, makuzaliswe i-Refresh/Disposal Annexure eqhotyoshelweyo, apho makurekhodwe khona iinkcukacha ezimalunga nezixhobo ezidala nezitsha, ize iqhotyoshelwe kwi-Log 1-form.
3.3 Ifom ezalisiweyo iBAS Allocation form (PGWC 002) mayihanjiswe kunye ne-Log 1 form. Inkcitho enokuba ngaba yenzekile ngethuba lenkqubo yokuchithwa kwempahla iya kwabelwa umphathi ojongene nestokhwe ochaphazelekayo.
3.4 Abaphathi abajongene nestokhwe baya kuthi emva koko baziswe ngesigqibo seKomiti yokuChitha iiMpahla (Disposal Committee) yeSebe iWCED kwaNdlunkulu baze banikwe amaxwebhu afanelekileyo njengobungqina bokuba impahla (iimpahla) icinyiwe (written off). I-VA 27-form, esayinwa ligosa elidluliselwe amagunya nangamalungu eKomiti yokuChitha iiMpahla, mayizaliswe ngamagosa achaphazelekayo emva kokuba ii-asethi sezisingathwe ngendlela evunywe yi-WCED Disposal Committee. Onke la maxwebhu makafayilishwe ngokufanelekileyo ukulungiselela iinjongo zophicotho-zincwadi.
3.5 Abalawuli bee-asethi (asset controllers) mabaqinisekise ukuba iibhakhowudi ezi kwezi asethi ziyasuswa. Ezi bhakhowudi mazithunyelwe kwaNdlunkulu ukulungiselela iinjongo zeerekhodi. Ngaphezulu koku, makuhlatywe kwakhona uphawu lwe-RSA ngo-X. Inombolo yokuvuma ukuchithwa kwempahla kunye no-"DISPOSED OF" mazibhalwe ngombhalo ongacimiyo (permanent marker) kwii-asethi ezingezizo ezinxulumene ne-IT. Izitikha ezibonisa ingcaciso efanayo mazincanyathiselwe kwizixhobo ze-IT.
3.6 Ukuthengiswa kwazo zonke izixhobo ze-IT kuya kulungiselelwa nguNdlunkulu. Ezinye ii-asethi ekuvunyiweyo ukuba zilahlwe mazilahlwe kwindawo yokulahla izinto (dumping site) ebhalisiweyo yaye makukhutshwe isiqinisekiso esimalunga noku nemasisiwe kwaNdlunkulu. Ubuncinane ngamagosa ama-2 amakabekho xa kulahlwa ii-asethi.

4. Ngamanye amaxesha kufunyaniswe ukuba izinto eziphawulelwe ukulahlwa nezo zinto ekwakuvunyiwe ukuba zilahlwe zisasetyenziswa. Makugxininiswe ukuba yonke ifanitshala nezixhobo eziphawulelwe ukulahlwa nezo zinto ekwakuvunyiwe ukuba zilahlwe mazigcinwe kwindawo ekhuselekileyo nenqatyisiweyo ide inkqubo yokulahla izinto ezingasasetyenziswayo igqitywe. Ngaphezulu, kufunyaniswe ukuba izixhobo ze-IT zisetyenziswa kwakhona kwezinye izixhobo ze-IT (being cannibalised). Oku kuchasene nemigqaliselo yokuchithwa kwezixhobo ze-IT.

5. Imibuzo malunga nokukule ngcaciso imfutshane ingabhekiswa kwaba bantu balandelayo:

  Mnu A Betz, inombolo yefoni 021 467 2804
Mnu D Scholtz, inombolo yefoni 021 467 2799

6. Kucelwa abaphathi abajongene nestokhwe ukuba bazise bonke abasebenzi ngokukule ngcaciso imfutshane ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L J ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEMICIMBI YEMALI
UMHLA: 2013:07:29

"Public Finance Management Act"  (ubukhulu: 487 KB)
"Refresh/Disposal Form"  (ubukhulu: 16 KB)