1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lityumbe umboneleli-nkonzo u-Ernst and Young Advisory Services Ltd, ukuba abale yaye angqinisise irejista yee-asethi zeeyunithi eziziimobhayiili kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo ze-LSEN. Oku kuya kwenziwa phakathi kwe-11 Matshi ne-30 Apreli 2013.
2. Ukwenzela ukuba le nkqubo yenziwe ngokuyimpumelelo, iSebe iWCED licela izikolo ukuba zibavumele bangene abasebenzi abazii-fieldworkers ukwenzela ukuba baqhube umsebenzi wabo wobalo. Kuya kucelwa kwakhona ukuba iinqununu ziyisayinele ingcaciso efunwayo njengobungqina bokutyelelwa kwesikolo nokuba zingqinisise ukuchaneka kwedatha efakiweyo. Ngenxa yobukhulu bale nkonzo ifunwayo, kungafunwa ukuba kufunyanwe ingcaciso nobukho babasebenzi abachaphazelekayo ngamathuba angengawo aweeyure zesikolo yaye nkqu nangeeholide zesikolo. Oku kuya kulungiselelwa ngaphambi kokuba izikolo zityelelwe. Ngethuba lokutyelelwa ngumboneleli-nkonzo, ibhunga lolawulo lesikolo/isikolo masenze ifumaneke irejista yee-asethi zesikolo ukwenzela ukuba umbonelelinkonzo angqinisise ubukho beeyunithi eziziimobhayili eziphiwe isikolo kunye/okanye ezithengwe ngengxowa-mali yesikolo ngokwaso kwirejista yee-asethi.
3. ISebe iWCED licela uxolo ngayo nayiphi na inkxamleko ebangelwe koku. Siya kuluthakazelela uncedo lwakho malunga nalo mba.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:03:12