1. Ngokwengcaciso yakutshanje efunyenwe kumatyala ekunikwe ingxelo ngawo, kwakunye neenkxalabo ezivakaliswe yimibutho yootitshala neyabasebenzi benkonzo karhulumente, abaphathi abasoloko belandela ngqo amaxesha abekiweyo xa besenza uphando naxa besingethe izikhalazo kweli Sebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED).

2. Kucelwa niqwalasele la maxwebhu alandelayo:

  • IiSetyhula zeSebe iWCED 0230/2003 no-0037/2013, ezinika iinkcukacha zenkqubo namaxesha abekiweyo achaphazelekayo xa kuphandwa yaye kude kufikelelwe ekugqityweni kwezikhalazo kwiindawo zemisebenzi.

  • ISetyhula yeSebe leNkonzo kaRhulumente noLawulo (Department of Public Service Administration Circular) yomhla we-7 Agasti 2010, egxininisa ukubaluleka kokuba abaphathi bazisingathe bazigqibe izikhalazo lingekapheli ixesha elimiselweyo.
3. Ingasithelanga engqondweni into yokuba ukungaphumeleli ukusombulula isikhalazo lingekapheli ixesha elimiselweyo kungakhokelela kwinyathelo loluleko elinokuthathwa ngakumphathi ochaphazelekayo othweswe uxanduva, kuyaphindwa kwakhona ukutsho ukuba izikhalazo zabasebenzi mazifumane ingqwalaselo yabaphathi ngokukhawuleza ukwenzela ukunika ithuba lokuba izikhalazo ezilolu hlobo zisingathwe ngobulungisa nangempumelelo lingekapheli ixesha elimiselweyo.

4. Ukusingathwa kwezikhalazo zigqitywe kuphumeza ukusebenza kweSiqendu 196(4)(f)(ii) soMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, esibonelela ngenkqubo ekhawulezileyo, engathathi cala nesingatha ngokungenamkhethe nangokufanelekileyo izikhalazo.

5. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abaphathi neesuphavayiza eziphantsi kolawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:12:11