1. Okuqhotyoshelwe apha zizatifikethi ze-IRP 5 kunye/okanye i-IT 3(a) zabaqeshwa abaqeshewa kwiziko lakho zoNyaka weRhafu 2012 –2013 enizithunyelelwayo.

2. Ezi zatifikethi mazinikwe abaqeshwa abaqeshwe kwiziko lakho. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba izatifikethi zabaqeshwa ababesenkonzweni kwelo ziko ngonyaka werhafu 2012-2013, kodwa ngoku abasele bengasekho apho kwiziko lakho, zithunyelwa ngokukhawuleza kwiipheyipoyinti zabo ezintsha okanye kwiidilesi zabo zasekhaya, okanye zibuyiselwa kule ofisi.

3. Uxwebhu oluneenkcukacha (control sheet) oluqhotyoshelweyo malungqinwe ukubonisa ukuba zifunyenwe luze lubuyiselwe ngokukhawuleza, ngeenjongo zophicotho-zincwadi nezokugcinwa kweerekhodi, kule dilesi ilandelayo:

  Head: Education
Tax Section (7th Floor)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000

4. Kucacile ukuba abanye abaqeshwa abakunanzi nganto ukubaluleka kwezatifikethi ze-IRP 5 yaye iCandelo leRhafu leSebe iWCED lidla ngokuxinwa zizicelo zokukhutshwa kwezatifikethi eziziidyuplikheyithi. Oku kubangela umthwalo onzima womsebenzi wezolawulo ongeyomfuneko kule ofisi. Ngako oko ke kucelwa ukuba uyigxininise kubo bonke abaqeshwa into yokuba -
4.1 mabazigcine izatifikethi zabo ze-IRP 5 kwindawo ekhuselekileyo;
4.2 kuya kwamkelwa kuphela isicelo esibhaliweyo esicela isatifikethi se-IRP5 eyidyuplikheyithi; yaye
4.3 ukususela nge-1 Julayi 2013, intlawulo yedyuplikheyithi iyenyuka iyakuba yi R60.00 isatifikethi ngasinye ngokwesicelo.

5. Kucelwa bonke abaqeshwa bangqinisise inombolo yerhafu (tax number) ekwisatifikethi sakhe ukuba yechanekile kusini na. Ukuba kuye kubhalwe inombolo yerhafu engachanekanga kwisatifikethi nakwipeyisliphu yakhe, makungeniswe inombolo yerhafu yakhe echanekileyo kule ofisi (Tax Section) ukwenzela ukuba kuhlaziywe irekhodi yePesalI yakhe. Makungeniswe ikopi yengxelo yerhafu (tax return) okanye ileta evela kwabeNkonzo yeNgeniso yeRhafu yaseMzantsi Afrika (South African Revenue Service (SARS)) enenombolo yerhafu echanekileyo njengo- bungqina.

6. Umhla osikelwe ukuba bonke abarhafi abangenisa iingxelo zerhafu (tax returns) zabo ngesandla (manually) ngumhla we-30 Septemba 2013, lo gama umhla osikelwe abarhafi abazingenisa ngekhompyutha wona uyi-22 Novemba 2013. Kwiimeko apho umntu afuna ukwandiselwa ixesha, luxanduva lomqeshwa ukucela oko kwandiselwa ixesha kwa-SARS.

7. Kucelwa uqinisekise ukuba okukule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke abaqeshwa abalapho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI JIKELELE WEZEMALI
UMHLA: 2013:07:05


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).