Usuku lokuzalwa lukaNelson Mandela kwiveki ephelileyo luvelise amathuba amahle okucinga nzulu ngeemfundiso ezisisiseko azimeleyo nangokuzimisela kwethu ekwakheni ikamva elisekelwe kwezi mfundiso zisisiseko.

Umngeni wethu kwezemfundo kukuqinisekisa ukuba abantwana bethu bayaliqonda eli lifa asishiyela lona yaye banazo iimfundiso ezisisiseko, iindlela zokucinga okuhle nezakhono eziyimfuneko ekwakheni uluntu esinokuzidla ngalo.

Ezi mfundiso zisisiseko zibandakanya imfesane, ukunyamezelana, intlonipho yesidima somntu namalungelo oluntu, ukuthwala uxanduva nokubaluleka kwemfundo.

Siyakholwa ukuba ukutyala umthi yindlela egqwesileyo yokukhumbula uNelson Mandela neemfundiso ezisisiseko azimeleyo.

Ngethemba lokuba uya kukhula umthi uye usomelela kule minyaka iyi-95 izayo yaye uya kusinceda ekubeni sikhumbuze izizukulwana zexa elizayo ngeemfundiso ezisisiseko esimele zona.

ISebe leMfundo leNtshona Koloni neSixeko saseKapa ke ngoko zenze amalungiselelo okunika izikolo imithi yokukhumbula uNelson Mandela ngale ndlela.

Istokhwe esikhoyo njengangoku asisininzanga, yimithi eyi-250 ekhoyo, nefumaneka kwiCity nursery e-Union Avenue, Newlands.

Siya kuqwalasela iindlela zokuyandisa le projekthi, ngokuxhomekeka kwimfuno nokubakho kwemithi kwixesha elizayo. Izikolo zinako nazo ukuthenga imithi eziyithandayo ukulungiselela le njongo.

Sicela ukuba izikolo zizalise le fom iqhotyoshelweyo zize zitshintshise ngayo ukufumana umthi phambi koLwesithathu, we-31 Julayi 2013, phakathi ko-08:00 no-15:00. Uvumelekile ukutshekisha ukubakho kwestokhwe ngokufonela iziko leefoni lethu apha 086 192 3322.

ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:07:22

"Plant a tree for Madiba form"  (ubukhulu: 1 129 KB)
"Cape Town City Parks Department Nursery Map"  (ubukhulu: 75 KB)