1. Iza kuvalwa i-akhawunti yebhanki esetyenziswa njengangoku ngu-Edumedia ngowe-28 Matshi 2013. Oku kuya kubangela ezi nguqu zilandelayo kwindlela amacandelo, ii-ofisi zezithili nezikolo eziya kusebenzisa ngayo iinkonzo ze-Edumedia ukuqala nge-1 Apreli 2013:
1.1 Amacandelo nee-ofisi zezithili zemfundo

Izicelo zeenkonzo ezibonelelwa ngu-Edumedia zinokwenziwa kwangendlela efanayo neyangaphambili ngokusebenzisa i-Edumedia Authorisation Form esemthethweni nemayisayinwe ngumlawuli okanye ngumphathi weprogram. Yakuba igqityiwe inkonzo, kuya kukhutshwa i-invoyisi ngu-Edumedia ize ingeniswe kwicandelo okanye kwi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo. "Intlawulo" ye-invoyisi iya kwenziwa ngejenali (per journal) ye-akhawunti yengenis

FUND: DEPARTMENTAL RECEIPTS
OBJECTIVE: RECEIPTS OBJECTIVE
PROJECT: NO PRJ: STND/A REVENUE
REGIONAL IDENTIFIER: NON PAY: NO REGIONAL IDENTIFIER
RESPONSIBILTY: CONTROL RESPONSIBILITY
ITEM: SERV REND: PHOTOCOPY AND FAXES

Nakuba kunjalo, apho u-Edumedia angenako ukuyenza inkonzo efunekayo, icandelo okanye i-ofisi yesithili semfundo iya kucetyiswa ngokuba iyicele inkonzo ngokusebenzisa aboLawulo loQhagamshelwano naBathengisi (Supply Chain Management). Iinkcukacha ziya kunikwa ngu-Edumedia.

1.2 Izikolo, abafundi babucala nee-odolo ezenziwe ngekhompyutha (orders made online), ngokusebenzisa iziko lewebhu lika-Edumedia (via Edumedia website)

Zonke ii-odolo zeLTSM nezinye iimveliso okanye iinkonzo, mazihanjiswe kunye nentlawulo xa kusenziwa i-odolo okanye kuthathwa iimpahla okanye ku-odolwa ekhawuntareni (over the counter), nokuba kungokuhlawula ngemali okanye ngetshekhi okanye nge-EFT kule akhawunti yebhanki elandelayo:

Name of account: Provincial Government of the Western Cape - Dept of Education
Bank: Nedbank
Current Account no: 1452045089
Branch code: 145209
Beneficiary reference: EDM, omakalandelwe ligama lesikolo okanye lomntu

Apho intlawulo yenziwe ngetshekhi, itshekhi mayibhalwe ukuba ihlawulwa kwi-: Prov. Govt of the Western Cape – Dept of Education.


2. Nayiphi na imibuzo malunga nokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane ingabhekiswa komnye waba balandelayo:

Nks MG de Vos, inombolo yefoni 021 689 9536 okanye idilesi ye-imeyili: mdevos@westerncape.gov.za
Mnu DR Leverton, inombolo yefoni 021 689 9536 okanye idilesi ye-imeyili: dleverto@westerncape.gov.za


3. Kucelwa uqinisekise ukuba okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:03:26