1. Kwezi kota zintathu zidlulileyo ukubekwa esweni kophuculo lwesikolo ngokusebenzisa iSixhobo sokuBeka eSweni uPhuculo lweSikolo (School Improvement Monitoring Tool (SIM)) kuvelise ingcaciso ebeluncedo kakhulu kwaye kuncedisa iSebe iWCED ekuqinisekiseni ukunikwa kwenkxaso efanelekileyo nokwenziwa komsebenzi uphela ngempumelelo.

2. Oku kulandelayo ziinkalo ekuza kugxilwa kuzo ngeKota 4:

  • Inkqubela-phambili kwi-SIP
  • Iincwadi zomsebenzi (workbooks)
  • Iincwadi zezifundo (textbooks)
  • Iireyithi zokupasa zamaBakala 1 no-9
  • Ezolawulo (iintlanganiso nabazali, ukufundisa okucwangcisiweyo nokunika inkxaso, isantya sokufundiswa kwekharityhulam, ulawulo lwedatha, ulawulo lokuhamba isikolo (attendance management))
  • Iidesika nezitulo
  • Iziseko zophuhliso
  • Ulawulo lwezemali

Iinkcukacha zezi nkalo kuza kugxilwa kuzo ziqhotyoshelwe apha.


3. Ithempleyithi yenkqubo yeSIM mayizaliswe ngolu hlobo lulandelayo:

Ithuba Isaveyi Umhla obekiweyo
IKota 4 I-SIM yeKota 4 NgoLwesihlanu-15-Nov-13

4. Oku kulandelayo yinkqubo yeKota 4:
4.1 Kuza kubonelelwa ngezinto ekuza kugxilwa kuzo xa kubekwa esweni umsebenzi ukwenzela ukuba zisayinelwe kwi-CEMIS phantsi ko-"ADMINISTRATION".
4.2 Inqununu iya kufaka iimpendulo ekhompyutheni.
4.3 Abaphathi beze-IMG baya kwenza idinga lokuza kuxoxa ngeempendulo, luze uxwebhu oluzalisiweyo lusayinelwe ngamaqela omabini.
4.4 Inqununu iya kusayina kwi-CEMIS.
4.5 Ikopi eliphepha esayiniweyo iya kugcinwa ngumphathi weze-IMG ukulungiselela iinjongo zoku-oditha. Ikopi yesibini eliphepha esayiniweyo kufuneka igcinwe yinqununu yesikolo ukulungiselela kwaeso sizathu sinye.
4.6 Umphathi weze-IMG uya kusayina i-EduInfosearch.

5. Nayiphi na imibuzo iya kusingathwa ngumphathi weze-IMG.

6. Senza umbulelo ongazenzisiyo kuni ngokuzinikela kwenu ekuphuculeni imfundo yabo bonke abantwana.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:10:07

"School Improvement Monitoring"  (ubukhulu: 35 KB)