1. |
Kucelwa ufunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lokuCwangcisela uKwenziwa koMsebenzi naBathathi-nxaxheba 0002/2012. Yonke ingcaciso ebhalwe kuloo ngcaciso imfutshane isasebenza, ifakelwe nje isilungiso esincinane. Endaweni yokungenisa isicwangciso sakho i-SIP ngekhompyutha kumphathi weze-IMG wakho, kucelwa ukuba ufake isicwangciso sakho kwiCEMIS ngaxeshanye njengoko uzalisa i-SIP ekhompyutheni, usebenzisa isixhobo sokufaka ingcaciso ekhompyutheni (upload facility). |
2. |
Njengoko kubonisiwe kwixesha langaphambili, iinkalo ekujoliswe kuzo ziya kuba zezi zilandelayo: |
2.1 |
IProfayili yeSikolo Abasebenzi: I-WCED neSGB; abemvumelwano (contract) nabethutyana (part-time); abangaphezu kwemfuneko Inkxaso kwezentlalo: Inqanaba lentlupheko, iprogram yokutyisa abafundi, uthutho lwabafundi Amanani abasebenzi: Imeko yexesha elidlulileyo noqikelelo kwixesha elizayo Amanani abafundi: Imeko yexesha elidlulileyo noqikelelo kwixesha elizayo Amanqaku eemvavanyo eWCED amaBakala 3, 6 no-9 kwiilwimi nakwimathematika (2009[anikiweyo] ukuya ku-2015 [uqikelelo kwixesha elizayo]) Amanqaku eemvavanyo ze-ANA kumaBakala 1-6 (2011 noqikelelo)/Iziphumo zeNSC zeBakala 12 (uqikelelo kwixesha elizayo) |
2.2 |
Izalathi-nkqubela ngokubanzi Inani eliyi-avareji leentsuku zomfundi ngamnye ongekhoyo esikolweni; inani eliyi-avareji leentsuku zotitshala ngamnye ongekhoyo esikolweni Amanani abafundi abaphinda unyaka Inani leentlanganiso nabazali zokuxoxa indlela abaqhuba ngayo abafundi kwizifundo Uluhlu lwemigaqo-nkqubo emayiqwalaselwe kuqala |
2.3 |
Izixhobo zokufunda Iincwadi zezifundo ezi-odoliweyo, ezifikileyo, ezikhutshiweyo, ezisetyenzisiweyo nezibuyisiweyo ngabafundi Iincwadi zokwenza umsebenzi ezifunyenweyo, ezikhutshiweyo, ezisetyenzisiweyo Inani labafundi abangenazo iidesika okanye iitafile nezitulo zaseziklasini Iindleko zokulondolozwa kwezakhiwo zesikolo Iifasilithi – iiklasi, ilayibrari, iholo, amagumbi emisebenzi ethile, iithoyilethi |
2.4 |
Uphuculo lomgangatho wokupasa izifundo (academic performance improvement) Amanani abapasa ulwimi nemathematika nezifundo ngokubanzi kumaBakala 1 - 9 nakuzo zonke izifundo ezifundiswayo, nezifundo ngokubanzi kumaBakala 10 -12 |
4. |
Njengoko bekunjalo ngo-2012, kuya kulandelwa inkqubo eqingqiweyo yokubeka esweni umsebenzi ngekota nganye ngabaphathi beze-IMG ezikolweni, enxibelelene neeSIP. Iinkalo ekujoliswe kuzo ziya kuba zezi zilandelayo:
- Inkqubela-phambili kwi-SIP
- Iincwadi zokwenza umsebenzi
- Iincwadi zezifundo
- Iireyithi zokupasa zamaBakala 1 no-9
- Ezolawulo (iintlanganiso nabazali, ukufundisa izifundo nokunika inkxaso, isantya sokufundiswa kwekharityhulam, ulawulo lwedatha, ulawulo lwabahamba nabangahambi sikolo)
- Iidesika nezitulo
- Iziseko zophuhliso
- Ulawulo lwezemali
KwiKhalenda ka-2013 eyayikhutshwe ngo-2012 kunikwe imihla ebekufanele ukuba kuqukunjelwa ngayo inkqubo yokubeka esweni. Le mihla yile: 20 Matshi, 14 Juni, 13 Septemba, 1 Novemba ne-29 Novemba.
|
5. |
Ngo-2013, sithanda ukugxininisa ngakumbi (a) ekunikeni ingxelo echanekileyo yamanani abafundi ababhalisileyo kunye (b) nokuqwalaselwa kwangethuba kotshintsho olukhoyo kwidatha yobhaliso lwabafundi kwiCEMIS. |
5.1 |
Ngo-2013 umhla osikiweyo wokusayinwa kweSaveyi yeZikolo yaqho ngoNyaka usiwe ekupheleni kuka-Apreli. |
5.2 |
Ngenxa yokuba ulwabiwo lootitshala, iincwadi zezifundo, nokubonelela ngezikolo konke oku kuxhomekeke kwidatha yamanani abafundi echanekileyo, kucelwa ukuba uqinisekise ukuba iirekhodi zabafundi zesikolo sakho zihlaziywa qho ngeveki. |
6. |
Izikolo ziyakhunjuzwa kwakhona ngemfuno engummiselo yokusebenzisa isixhobo sokunika ingxelo ngekhompyutha ngokungahambi sikolo kwabafundi kwiCEMIS. Iingxelo zaqho ngekota zifanele ukufayilishwa phambi kokuphela kwekota nganye. |
7. |
Ukugxininisa ekunciphiseni inani eliphezulu labafundi abatshonayo kumaBakala 1 no-9 ngo-2012 kuze neziqhamo, ngokuthi kupase abafundi abangaphezulu kunokuba bekunjalo kwixesha elidlulileyo. Eli phondo lirekhode inkqubela-phambili esivuyisayo kumanani apasa iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, amanani abapasela ukwenzela iSidanga kunye nomgangatho nenani lokupasa kwiMathematika nakwiFizikhali Sayensi, kwakunye neziphumo zovavanyo lolwazi lokufunda nokubhala kunye nolwazi lokubala lwephondo. |
8. |
Kucacile ukuba ukucwangcisela kakuhle ukufunda nokufundisa, oko kusenziwa ngokubambisana nootitshala nabazali abazimiseleyo nabasebenzisanayo, kukhokelela kwiziphumo zezifundo ezisemgangathweni. Kucelwa ukuba uqwalasele iithagethi zakho ngenyameko kwaye umisele izicwangciso eziya kukhokelela kuphuculo lokufunda neziphumo. IWCED izinikele ekunikeni inkxaso apho kukho imfuneko khona. |
9. |
Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:01:14
|
 |