1. |
UKUMAKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI
Izikripthi zabaviwa zinokumakishwa kwakhona kwezi meko zilandelayo:
|
1.1 |
Umviwa oye watshona isifundo esinye okanye ezingaphezulu koko kwiiMviwo zeMatriki usenokucela ukuba isikripthi sakhe kweso sifundo simakishwe kwakhona (izikripthi zakhe kwezo zifundo zimakishwe kwakhona). |
1.2 |
Umviwa ophumelele iimviwo zeMatriki, kodwa akaphumelela kwisifundo esinye okanye ezingaphezulu koko ukufika kumgangatho oyimfuneko ukulungiselela injongo ethile (umz. Ukupasa imatriki gqibi (matriculation exemption), ibhasari okanye imimiselo eyodwa eyimfuneko yeziko lemfundo ephakamileyo (tertiary institution), unokuthi, ngemvume yeSebe leMfundo acele ukumakishelwa kwakhona isikripthi (izikripthi) kweso sifundo (kwezo zifundo). Isizathu sokucela ukumakishwa kwakhona masibhalwe kuxwebhu lwephepha olwahlukileyo yaye masihambe kunye nesicelo eso. Izicelo ezingahambi nezizathu esele zikhankanywe apha ngentla aziyi kuqwalaselwa. (Qaphela ukuba iSebe leMfundo liya kuvuma ukumakishwa kwakhona kwezikripthi kwisifundo apho umviwa aye akaphumelela ukuzuza I 40% kuphela ngenjongo yokufumana isatifikethi sematriki sokudlulela phambili kunye/okanye xa ingumba ophambili ekubeni afumane ibhasari. |
1.3 |
Isebe leMfundo linako, ngokwengqiqo yalo, ukuvumela ukumakishwa kwakhona kwesikripthi (kwezikripthi) somviwa ophumelele iimviwo zeMatriki ukuba ukho umahluko ubuncinane weesimboli ezimbini phakathi kwamanqaku angoSeptemba abenikwe sisikolo namanqaku azuzwe kwiimviwo zeSebe leMfundo. |
1.4 |
IZICELO ZOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI, KUNYE NEMALI EMISELWEYO EYI R79.00 NGESIFUNDO NGASINYE, MAZIFIKE KWISEBE LEMFUNDO ZINGADLULANGA IINTSUKU EZINGAMASHUMI AMABINI ANANYE (21) EMVA KOKUPAPASHWA NGOKUSESIKWENI KWEZIPHUMO ZEEMVIWO. AKUKHO SICELO SOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI SIYA KUQWALASELWA NGAPHANDLE KOKUBA ISIXA MALI ESIMISELELWEYO SIHAMBA NESICELO ESO YAYE SIFIKA NGETHUBA ELIMISELWEYO. |
1.5 |
Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwezicelo zokumakishwa kwakhona kwezikripthi zeemviwo zikaNovemba 2013 yi 21 January 2014. |
1.6 |
Umviwa ngamnye uya kwaziswa ngeziphumo zokumakishwa kwakhona kwezikripthi. |
2. |
UKUTSHEKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI |
2.1 |
Bavunyelwe abaviwa ukuba benze izicelo zokuba izikripthi zabo zitshekishwe kwakhona ukuqinisekisa ukuba zonke iimpendulo zamakishwa aza amanqaku adityaniswa yaye alungiswa ngokuchanikileyo. |
2.2 |
Isicelo sokuba izikripthi mazitshekishwe kwakhona masenziwe zingadlulanga iintsuku eziyi 14 zokupapashwa kweziphumo. Intlawulo yi R16.00 ngesifundo ngasinye yaye ayibuyiswa. |
2.3 |
Abenzi zicelo baya kwaziswa ngeleta malunga neziphumo zokutshekishwa kwakhona kwezikripthi zabo. Apho kufuneka oku, kuya kukhutshwa iNgxelo yeZiphumo efakelwe izilungiso (amended Advice of Results). |
3.1 |
Ukuba abanelisekanga sisiphumo sokumakishwa kwakhona, abaviwa banokuzibona izikripthi zabo ngentlawulo eyi R157.00 isifundo ngasinye. Le ntlawulo ayibuyiswa. |
3.2 |
Makungeniswe isicelo esibhaliweyo, esinika izizathu zokwenziwa kwesicelo eso, kwiNtloko yeSebe leMfundo zingadlulanga iintsuku ezingamashumi amathathu(30) azisiwe umviwa ngeziphumo zokumakishwa kwezikripthi. |
3.3 |
Umviwa kunye.okanye umzali (abazali bakhe) okanye umgcini wakhe uya kuvunyelwa ukuba asibone isikripthi (azibone izikripthi) esichaphazelekayo yaye unako, ngenxa yesizathu esibe sisiphumo soko, ukufaka isikhalazo kwithuba leentsuku ezisixhenxe. Isebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuthi emva koko lithathe isigqibo sokugqibela ngokumalunga neziphumo. |
4. |
UKUBUYISWA KWENTLAWULO YOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI |
4.1 |
Iintlawulo zokumakishwa kwakhona kwezikripthi eziye zahlawulelwa nasiphi na isifundo ziya kubuyiswa ukuba, ngenxa yokumakishwa kwakhona, umviwa lowo
- Uyasiphumelela isifundo okanye izifundo ebezitshonile kuqala.
- Uzuza amanqaku aphucula iziphumo kwisifundo eso ubuncinane ngesimboli enye.
Ukubuyiselwa kweentlawulo zokumakishwa kwakhona kwezikripthi kuya kwenziwa kwakuba nje kugqitywe inkqubo yokumakishwa kwakhona kwazo zonke izifundo.
|
4.2 |
Ngako oko ke, kubaluleke kakhulu ukuba irisithi ekhutshwe njengobungqina bentlawulo yeefizi zokumakishwa kwakhona kwezikripthi igcinwe indawo ekhuselekileyo. |
5.1 |
Isicelo sokumakishwa okanye sokutshekishwa kwakhona kwezikripthi masenziwe kwifom emiselweyo. Makungeniswe iifom ezahlukeneyo zokumakishwa okanye zokutshekishwa kwakhona kwezikripthi zeemviwo. Izicelo zingangeniswa kwaNdlunkulu weSebe leMfundo (kwicandelo laBanzelwa iiNkonzo, kuMgangatho 2) (Client Service Division, 2nd Floor) okanye ziposelwe kule dilesi ilandelayo:
Head: Education Attention: Nks N Kanase Western Cape Education Department Private Bag X9114 CAPE TOWN 8000 |
5.2 |
Kwimeko apho kufuneka kubuyiselwe intlawulo, makungeniswe kwakhona le fom ye-BAS nesicelo ngasinye sokumakishwa kwakhona kwesikripthi.
Umviwa ongenayo I akhawunti yebhanki makazalise inkcukacha zebhanki zomzali okanye zomgcini wakhe xa ezalisa ifom ye- BAS. (IFORM ZE BAS EZITHUNYELWE NGEFESKI AZISAYI KWAMKELWA).
|
6. |
IMIBUZO
Iifomu zingacelwa kwezi nombolo needilesi zoqhagamshelwano zilandelayo, okanye zikotshwe kwiziko le WCED.
|
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:11:29
|
|