1. Iimviwo ze-ABET Level 4 zicwangciselwe ukuqala ngoLwesihlanu, we-1 Novemba 2013 zize ziphele ngoMvulo, we-25 Novemba 2013.
2. Kucelwa onke amaziko emfundo oluntu abhalisiweyo eSebe iWCED ukuba abhalisele abaviwa bawo ezi mviwo kwiinkalo zokufunda abazikhethele zona, ngokuxhomekeka ekubeni abaviwa bayigqibile yonke imigangatho yeeyunithi (unit standards) kwiinkalo zezifundo ezichaphazelekayo. Apho kunokwenzeka, kuya kuviwa zonke iinkalo zezifundo ezenziwa ngabaviwa kwezi mviwo. Nakuba kunjalo, iCandelo loLawulo lweeMviwo linelungelo lokungazibhalisi iimviwo kwiinkalo zezifundo apho bambalwa kakhulu abaviwa ababhalisele ukubhala uviwo.
3. Uviwo kwinkalo yesifundo lwenza i-50% yamanqaku ewonke, lo gama i-50% eseleyo, iya kufunyanwa kwiiphothifoliyo zeemvavanyo eziqhubekela esikolweni ezimodareyithiweyo (moderated school-based assessment (SBA) portfolios). Akukho mfundi makavunyelwe abhalisele inkalo yesifundo ukuba akawugqibanga umsebenzi (imisebenzi) we-SBA kwinkalo yesifundo echaphazelekayo. Abafundi abangenawo amanqaku e-SBA abayi kufumana ziphumo.
4. Yakuba nje ifikile ithayimtheyibhile yeemviwo zangoNovemba 2013 esuka kwiSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke, iya kuthunyelwa kunye neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo noVavanyo.
5. Abaphathi bamaziko mabazalise ikopi yefom yobhaliso efakiweyo yomviwa ngamnye onqwenela ukubhala iimviwo.

Ukuba umviwa akabangakho, ngenxa yokugula okanye ngenxa yezinye iimeko ezingenakuthintelwa, loo fom yobhaliso yomviwa mayisayinwe ngumphathi weziko, nomakabonise ngakwisiginitsha yakhe, ukuba umviwa ebengekho.

6. Ezi fom zilandelayo, zakuba zizaliswe ngokupheleleyo, mazithunyelwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo kwaNdlunkulu:

  • Zonke iifom zobhaliso, zilandelelaniswe ngokwe-alfabethi ngefani
  • Ifom yeenkcukacha zeziko eqhotyoshelweyo (isiHlomelo A)

Ezi fom zizaliswe ngokupheleleyo mazifike kwiSebe engadlulanga uLwesihlanu, we-10 Septemba 2013 kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
For attention: Mr C Slee, Room 5 - 15
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001

7. Kucelwa uqaphele ukuba akuyi kuvunyelwa lutshintsho kwiinkalo zezifundo emva kokuba ubhaliso lwabaviwa lugqityiwe. Ngako oko ke, iifom zobhaliso mazizaliswe ngokuchanekileyo. Iifom zobhaliso ezifike emva kwexesha aziyi kwamkelwa.
8. Isikhokelo malunga nokubekwa mgangathweni-mnye, izibheno nokukhutshwa kwezatifikethi (Guidelines on standardisation, appeals and certification), sifunyanwa kwiSetyhula 0027/2004 yaye masifundwe kunye nolu xwebhu, National Policy on the Conduct of the ABET Level 4 Examinations, olwanikwa amaziko emfundo oluntu ngo-2002.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:08:20

"Entry form"  (ubukhulu: 68 KB)
isiHlomelo A: "Centre Information form"  (ubukhulu: 26 KB)