1. |
Njengoko nisazi, ii-ANA zeSebe leMfundo kuzwelonke (DBE) Annual National Assessments (ANAs) ziya kubhalwa ngoSeptemba 2013 zize iimvavanyo zenkqubo yezemfundo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED's Systemic Tests) zibhalwe ngo-Oktobha 2013. ISebe iWCED lizimisele ekunikeni inkxaso ootitshala nabafundi ekulungiseleleni ezi mvavanyo. |
2. |
Kucetyiswa la malungiselelo alandelayo kwezi mvavanyo: |
2.1 |
Ootitshala mabakhuphele (download) iimvavanyo eziyimizekelo (exemplar tests) kuzozombini iimvavanyo ii-ANA nee-Systemic Tests kwiziko lewebhu leWCED, besebenzisa eziiinkqubo zidweliswe apha ngezantsi.
|
http://wced.school.za/home/home.html Klikha ku-"Curriculum Development". Ungena kwi-Curriculum website. Klikha ku-"Quick Links". Klikha ku-"Preparing for systemic testing 2013". Yiya kwitheyibhile. Ungayiprinta okanye uyiseyive kwikhompyutha. |
OKANYE |
Le mizekelo inokufunyanwa nakwiCEMIS. |
|
2.2 |
Ootitshala mababe nolwazi ngezinto zovavanyo ezahlukeneyo (different test items) nokwabiwa kwamanqaku kwiimemoranda zokumakisha. |
2.3 |
Mabaqinisekise ngokunjalo ukuba abafundi bayaziprekhtiza ii-ayithem zovavanyo ezininzi ukwenzela ukuba abafundi babenolwazi ngeendidi ezahlukeneyo zemibuzo yaye bakwazi ukuzisebenzela ngokuzimeleyo. |
2.4 |
Izikolo zinokuseta iimvavanyo ezifanayo, ezisekelwe kwiindidi zemibuzo efunyanwa kwimizekelo. Kwiimvavanyo ezilolu hlobo, iklasi kufuneka ikulungele oku ngokungathi kulungiselelwa usuku lokubhalwa kovavanyo ngokwenene. Kukwacetyiswa nokuba ootitshala batshintshiselane ngeeklasi ukwenza ngathi kubhalwa uvavanyo lokwenene. Amalungu eSMT anokuyibeka esweni le nkqubo ukuqinisekisa ukuba yimpumelelo kwayo ngokupheleleyo. |
2.5 |
Ootitshala mababazise abazali ngeemvavanyo yaye babakhuthaze ukuba banike inkxaso abantwana babo xa beprekhtiza ezi ayithem zovavanyo njengomsebenzi wesikolo wasekhaya. |
3. |
ISebe iWCED lifumene iingxelo zokuba abanye ootitshala baziyekile izicwangciso zabo zokufundisa zesiqhelo iintsuku okanye iiveki ezininzi ngenxa yokulungiselela iiMvavanyo ze-ANA okanye iiSystemic Tests. Kucelwa niqaphele ukuba ukufundisa okuqhelekileyo makungaphazanyiswa ngenxa yamalungiselelo ezi mvavanyo, yaye oko makungafaki abafundi phantsi koxinzelelo olungafanelekanga. |
4. |
Ziyacelwa iinqununu nabacebisi ngezekharityhulam ukuba zazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathel ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:08:30
|
 |