1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke, libambisene kunye neSouth African History Online, licela zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwi-2013 National Schools’ Oral History Competition for the Nkosi Albert Luthuli Young Historians' Award, eyayiqalwe ngo-2005. Olu khuphiswano luya kuba yinxalenye yegalelo leSebe leMfundo ekomelezeni ukufunda nokufundiswa kwezeMbali ezikolweni. ISebe leMfundo likazwelonke liceba isiganeko sikazwelonke esiya kwandulelwa lukhuphiswano lwamaphondo olungezihloko ezithile.

2. Kukwayinxalenye yenyathelo leli Sebe eliqhubeka okokoko lokukhuthaza bonke abafundi kuba bayiqonde imbali yaseMzantsi Afrika, kungabi lulwazi nje ngokubanzi lwembali, koko kwakhona bazi ukuqhama kweembali zeendawo abahlala kuzo. Lithuba labafundi abatsha lokuba bafumane amava ekufundeni izakhono zophando ezibalulekileyo.

3. Olu khuphiswano luvuleleke kubo bonke abafundi ukuqalela kwiBakala 8 ukuya kwiBakala 11 nakubo bonke ootitshala beeSayensi zezeNtlalo nakootitshala bezeMbali abakwizikolo eziziisekondari.

4. Bayacetyiswa abafundi nootitshala ukuba baye kweli ziko lewebhu le-South African History Online www.sahistory.org.za ukufumana ingcaciso ngophando lwembali yomlomo kunye nakweli ziko lewebhu le-South African History Archives www.saha.org.za

5. Ukhuphiswano lwabafundi

Kuya kufuneka abafundi benze uphando balungiselele inkcazo-ntetho okanye ifilim ebalisa ngokwenzekileyo (documentary film) okanye ividiyo ngesinye sezi zihloko zilandelayo:

5.1 Isikhumbuzo seminyaka eli-100 soMthetho i-Native Land Act of 1913

UMthetho i-Native Land Act, 1913 wapasiswa yi-Union Government ukuba abamnyama babe ne-7% kuphela yobumnini-mhlaba. Lo mthetho kwakhona waphuca abantu abamnyama ubumnini-mhlaba yaye waba sisandulela seminye imithetho yengcinezelo enjenge-Group Areas Act of 1950. Abafundi abakhetha esi sihloko kufuneka benze uphando kwii-akhayivu baze babhale babalise nge-Land Act nenxaxheba yayo kubomi nakwintlalo eqhelekileyo yabantu abamnyama. Icandelo lesibini lalo msebenzi liya kuba luthotho lodliwano-ndlebe nabantu basekuhlaleni ababomi babo baye bachatshazelwa yi-Land Act (umzekelo, ukungakwazi kuba ngumnini womhlaba, ukungakwazi kuthenga ipropathi engenakushenxiseka kwiindawo ezisezidolophini).

5.2 Isikhumbuzo seminyaka eli-100 sokulwa amapasi

Ngo-2013, iSebe leMfundo esiSiseko liya kuphawula isikhumbuzo seminyaka eli-100 sematshi eyimbalasane yokulwa amapasi yabafazi ababekhokelwe nguCharlotte Maxeke eBloemfontein, kwiPhondo laseFreyistathi, nge-28 Meyi 1913. Kule matshi, ngabafazi abayi-80 ababanjwa bavalelwa. Kwakhona nge-6 Juni 1913, ngabafazi abayi-600 ababekhokelwe nguNksk Molisapoli abenza imatshi baya ematyaleni abafazi baseBloemfontein ababelwela inkululeko. Abafundi abakhetha esi sihloko kuya kufuneka baphande okubhalwe kwezembali kwii-akhayivu ngokubanzi (umz. ezivela kwiilayibrari ezikufutshane, iinjini zokufuna ingcaciso ze-Intanethi, iilayibrari zaseyunivesithi, njl. njl.) malunga nematshi yokulwa amapasi. Emva kokuqokelela oko kufundwayo mabenze udliwano-ndlebe nabafazi abasadlala indima kwezopolitiko zasekuhlaleni baze bafune iimbono zabo malunga nokuba bakhuthazwa njani sisizukulwana sabafazi baka-1913, o.k.t. ntsingiselo ni ethethwa kukulwa bangavumi kunikezela abafazi baka-1913 kumadabi abo emihla ngemihla njengeenkokeli nanjengabafazi.

5.3 Amaqhawe namaqhawekazi angoodlel’ emnyameni endawo endihlala kuyo

Kwesi sihloko, abafundi kuya kufuneka bavumbulule iibhayografi zamadoda nabafazi eendawo abahlala kuzo abadlala indima ebaluleke gqitha bezincamile bengajonge ziqu zabo kuphuhliso lwabantu basekuhlaleni. Kufuneka abafundi bagxininise kuloo madoda nakwabo bafazi kwakungathethwa nto ngabo ukwazisa uluntu, kodwa abazisa utshintsho oluncomekayo kwindawo abahlala kuyo.

5.4 Imbali yendawo endihlala kuyo okanye yesikolo sam

Abafundi banokwenza iprojekthi ngembali yeendawo abahlala kuzo, enokufaka phakathi imbali yeendawo nezakhiwo ezibalulekileyo, namaziko abalulekileyo. Oku kungabandakanya izikolo, amaziko ezenkolo, iindawo ezingamangcwaba, iimonyumenti nemifanekiso eqingqiweyo, njl. njl. Ngokumalunga nembali yesikolo sam, abafundi baya kuthi, phakathi kweminye imisebenzi balindeleke ukuba benze udliwano-ndlebe nabantu abathatha inxaxheba ekusekweni kwesikolo. Basenokwenza udliwano-ndlebe nabo babesakuba ngabafundi kweso sikolo ngaphambili baqonde indlela isikolo eso esiqhagamshelana ngayo nembali yendawo leyo.


6. Kucelwa Niqaphele oku kulandelayo:
6.1 Le projekthi mayisekelwe kuphando lwezembali yomlomo.
6.2 Abafundi mabancediswe ekukhetheni abantu abaya kwenza udliwano-ndlebe nabo bakhuthazwe kakhulu ekukhetheni abantu abakwindawo abahlala kuyo.
6.3 Abafundi mabacetyiswe ukuba baqhube udliwano-ndlebe nabantu ubuncinane aba-2 ukuya kwaba-3.
6.4 Inkqubo yokugweba iya kulinganiselwa ngokomgangatho wophando.
6.5 Abafundi bangenza inkcazo-ntetho ngeprojekthi yabo ngalo naluphi na ulwimi kwezaseburhulumenteni.
6.6 Abafundi mabangenise iphothifoliyo ebonisa lonke uphando lwabo.

7. Iikhrayitheriya

Kuya kulindeleka ukuba abafundi benze izinto zibe MBINI:

7.1 Mabenze inkcazo-ntetho yomlomo okanye bangenise ividiyo ebalisa ngokwenzekileyo (video documentary) yophando lwezembali yomlomo kwiphaneli yabagwebi (akujongwanga ukuba ibe ngumdlalo weqonga okanye isihobe).
7.2 Mabalungise iphothifoliyo ebhaliweyo ekufuneka ibe nezi zinto zilandelayo:
7.2.1 Iiphothifoliyo mazibonise ubungqina bophando. Abafundi kufuneka benze udliwano- ndlebe nabahlali baloo ndawo kwaye kufuneka bakwazi ukubonisa ubungqina bodliwano-ndlebe, umzekelo, iileta eziya kwabo benze nabo udliwano-ndlebe, iitranskripthi zodliwano-ndlebe okanye okurekhodwe ngetheyiphu, kunye noluhlu lwemibuzo ebuzwe umntu ebekusenziwa udliwano-ndlebe naye kunye neempendulo – nokuba zibhaliwe okanye zirekhodwe ngetheyiphu.
7.2.2 Udliwano-ndlebe lungaqhutywa yaye lurekhodwe ngalo naluphi na ulwimi kwezaseburhulumenteni.
7.2.3 Iiphothifoliyo mazibonise kwakhona ubungqina bokucingisisa kwaye zithathele ingqalelo oku kulandelayo:
7.2.3.1 Abafundi mabacacise ukuba kungani na bekhethe abo bantu benze udliwano- ndlebe nabo, babonise ulwazi olucace gca lwemeko yezembali yalapho loo mntu wayesebenza khona nokuba ingcaciso yodliwano-ndlebe inxulumana njani nemeko yezembali okanye isinceda njani ukuqonda iziganeko ezichazwayo ngokwendlela esibona ngayo.
7.2.3.2 Abafundi mababandakanye izinto ezibonisa ukucingisisa kwabo (reflection) ngabakufundileyo malunga nokuba nako kwabantu ngabantu ukuzisa inguqu eluntwini, kunye noko bakufundileyo bona buqu ngethuba lophando, nangexabiso lomsebenzi wophando lwezembali yomlomo ekusincedeni ukuba siqonde imbali yethu.
7.2.3.3 Kufuneka abafundi babhale yonke imithombo yengcaciso abayisebenzisileyo kwiiphothifoliyo zabo. Mazifakwe neebhibliyografi. Baya kohlwaywa qatha ngesenzo sokunyiba umsebenzi womnye umntu uwenze owakho (plagiarism).

8. Iikhrayitheriya zovavanyo lweeprojekthi zophando ngezembali yomlomo (zilungiswe apha naphaya zakuba zithathwe kwi-NCS FET History Subject Assessment Guidelines)

Umhlaba ekuza kufikelelwa kuwo kwiprojekthi yezembali yomlomo
Iiprojekthi zezembali yomlomo zinamacandelwana aliqela:

  • Owona mbuzo uphambili nongundoqo oluza kujoliswa kuwo uphando
  • Uphando lokwandlalela ukulungiselela udliwano-ndlebe oluza kuqhutywa.
  • Udliwano-ndlebe nokubhalwa kodliwano-ndlebe olwenziwe ngeeteyiphu.
  • Ingxoxo ebhaliweyo engokuba ingcaciso ekudliwano-ndlebe inxulumana njani na nelo thuba.
  • Uvavanyo lodliwano-ndlebe njengemithombo yolwazi yexesha elidlulileyo.
  • Ukucingisisa okwenzekileyo ekugqibeleni: Ingaba ibe yintoni inzuzo kum mna [mfundi] ngokwenza le projekthi malunga nophuhliso lwam buqu, nolwazi lwam nokuqonda okwakusenzeka ngelo thuba?
    (Oku kungagxininisa kwakhona kweminye imibuzo engqale ngqo, ngokukodwa kwiBakala 10, enjengale: Yeyiphi eyona nto ibaluleke kakhulu oyifundileyo kwiimbali zomlomo? Wakuba uyenzile iprojekthi, yintoni obungathanda ukwazi ngayo nangakumbi?

Qaphela: Iikhrayitheriya zokuvavanya ezingundoqo ezilungiselelwe icandelo lophando: Sebenzisa iikhrayitheriya kwibakala ngalinye njengoko kuchaziweyo kwi-asayinimenti yophando.
Ikhrayitheriya 1
Qulunqa imibuzo yeprojekthi
Ikhrayitheriya 2
Khetha uze ufumane imithombo ngemithombo yengcaciso
Ikhrayitheriya 3
Ulwazi nokuqonda ithuba elichaphazelekayo
Ikhrayitheriya 4
Uphando ngezembali kunye nonxibelelwano
Ikhrayitheriya 5
Inkcazo-ntetho

Iikhrayitheriya zokuvavanya iprojekthi yezembali yomlomo
Ikhrayitheriya 1
Imibuzo yodliwano-ndlebe

  • Imibuzo ibiyileyo efuna iimpendulo ezigabalala ezingajonge siphumo sithile (open-ended)
  • Imibuzo ibifanelekile yaye ize nengcaciso efanelekileyo kowona mbuzo ophambili nongundoqo.
  • Bekukho imibuzo eyaneleyo.
Ikhrayitheriya 2
Abo kwenziwa udliwano-ndlebe nabo

  • Bebefanelekile abantu ekwenziwe udliwano-ndlebe nabo
  • Zinikiwe iinkcukacha zabantu ekwenziwe udliwano-ndlebe nabo.
Ikhrayitheriya 3
Amalungiselelo nokucwangcisa

  • Kukho ubungqina bokulungiselela udliwano-ndlebe ngenyameko
  • Kukho ubungqina bokucwangciswa kweprojekthi.
  • Zonke iinowuthsi zamalungiselelo nokucwangcisa zifakiwe kwiprojekthi
Ikhrayitheriya 4
Ukunikwa kwengcaciso evela kudliwano-ndlebe

  • Abantu ekwenziwa udliwano-ndlebe nabo bacaciselwa ngeemeko zezembali ezingqongileyo.
  • Zanikwa iimeko ezingqongileyo zokuqonda udliwano-ndlebe.
  • Ingcaciso yodliwano-ndlebe yanikwa ngokweemeko zezembali ezingqongileyo.
  • Ingcaciso yodliwano-ndlebe yakhutshelwa (transcribed) ngokuchanekileyo (ukuba kwakusetyenziswe itheyiphu rekhoda).
  • Ingcaciso yodliwano-ndlebe yacazululwa yaza yacwangciswa ngokuyondeleleneyo (coherently), yabonisa izimvo ezahlukeneyo apho kufanelekileyo oku.
  • Inkcazo-ntetho ngeprojekthi eyenziwa eklasini yayicacile kwaye yenziwa ngempumelelo.
Ikhrayitheriya 5
Ukucingisisa obekusenziwa

Iikhomenti zibonisa ubunzulu bengcinga malunga nenkqubo kunye nesiphumo sokwenziweyo.


9. Ukhuphiswano lootitshala
9.1 Ootitshala bezikolo eziziisekondari ezingenela ukhuphiswano kuya kufuneka benze isicwangciso somsebenzi esibonisa indlela ababecwangcise ngayo nabalungiselela ngayo iProjekthi yezeMbali yoMlomo eklasini.
9.2 Kuya kufuneka ukuba utitshala ngamnye enze inkcazo-ntetho ngephothifoliyo yakhe kwiphaneli yabagwebi kwaye azilungiselele ukubizelwa kwingxoxo yephaneli ngephothifoliyo leyo yakhe.
9.3 Kufuneka ootitshala babandakanye oku kulandelayo kwiphothifoliyo yokhuphiswano:
9.3.1 Yaziswa njani iklasi ngokwenziwa kweprojekthi yezembali yomlomo.
9.3.2 Abafundi bangavelisa iiphowusita zeziko lezenkcubeko elilifa lethu.
9.3.3 Yeyiphi inkcazo eyanikwa abafundi malunga nokukhetha kunye nokuthetha nabo babeza kubuzwa imibuzo yodliwano-ndlebe, nokulungiselela kunye nokuqhuba udliwano-ndlebe kunye nokusebenzisa udliwano-ndlebe njengobungqina bokufikelela kwizigqibo ngegalelo laloo mntu.
9.3.4 Loluphi ungenelelo ngoncedo olwenziwa ngutitshala ukuncedisa abafundi ukuba bayigqibe le projekthi.
9.3.5 Yintoni utitshala acinga ukuba abafundi bayizuza ekwenzeni kwabo uphando ngezembali yomlomo.
9.3.6 Kungafakwa iintlobo ezahlukeneyo zemizekelo yomsebenzi wabafundi.

10. Inkqubo yokugweba yephondo
10.1 Ootitshala mabakhethe abafundi babalungiselele imijikelo yokukhiqa abangaphumelelanga (elimination rounds) kwizithili nakwiphondo, baqinisekise ukuba bonke abafundi abangenele ukhuphiswano bakhona kwaye balulungele ukhuphiswano lwephondo yaye baqinisekise ukuba kukho izithuthi eziyimfuneko zokuya nokubuya kukhuphiswano ezilungisiweyo.
10.2 Kufuneka abafundi bagqibe ukwenza uphando lwabo, iikhweshine zabo, udliwano-ndlebe neetranskripthi zabo kuselithuba elide ngaphambi kokhuphiswano, baqinisekise ukuba bazenzile iiphothifoliyo zabo ezibubungqina, bazigqibile iinkcazo-ntetho zabo, bayakwazi ukuphendula nayiphi na imibuzo emalunga neeprojekthi zabo nophando lwabo kwaye bayakwazi ukucingisisa nokwabelana ngamava abo.
10.3 Inkqubo yokugweba yephondo ukukhetha abafundi abasi-7 nootitshala aba-3 ukuba bangenele ukhuphiswano lukazwelonke iya kuqhubeka nge-5 Septemba 2013. Kuya kwenziwa oomasifundisane bokwazisa nokulungiselela ukuncedisa abafundi ngeeprojekthi zezembali yomlomo zabo. Iindawo zendibano ziya kudluliswa kubacebisi ngezekharityhulam beeSayensi zezeNtlalo nezeMbali (Social Sciences and History) kwakuba kuqinisekisiwe ngazo.
10.4 ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke liya kuzihlawula iindleko zohambo nezokulala zabafundi nootitshala abathatha inxaxheba ngethuba lokhuphiswano lukazwelonke ePitoli ukuqala nge-20 – 23 Septemba 2013.

11. Ukufumana ingcaciso engaphezulu kucelwa uqhagamshelane noNks N Dodgen kule nombolo yefoni 021 467 9333 okanye kule dilesi ye-imeyili noleen.dodgen@westerncape.gov.za

12. Ziyacelwa Iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo lwesikolo kunye nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEZEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:05:31