1. Njengoko usazi, isikolo sakho sikhethelwe ukuthatha inxaxheba kwiphulo longenelelo ngoncedo lephondo iPhase 3 of the Literacy and Numeracy Intervention. (INgcaciso eMfutshane 0003/2013 neeseshoni zengcaciso iiDistrict Phase 3 information sessions zibhekiselele koku.)
2. Esi sigaba siza kuqhutywa ngemijikelo emi-2 ngolu hlobo:

  • U-Cycle 1 uqala ngoJuni-Julayi 2013, ngokwenziwa kweseshoni yoqeqesho lootitshala yeentsuku ezi-5, kuLwimi okanye kwiMathematika. Oku kuya kulandelwa yinkxaso eyenzelwa ootitshala neya kuqhutyelwa ezikolweni (targeted on-site support) ukubanceda ekuphumezeni ezi ndlela zokufundisa zintsha (new methodologies).

  • Uqeqesho lwe-Cycle 2 luya kuqhutywa ngoJuni-Julayi 2014 apho ziya kutshintshana izikolo- oko kuthi izikolo ezikhe zafumana i-Language support kwi-Cycle 1, ziya kufumana ngoku i-Numeracy support kwi-Cycle 2, ngokutshintshanayo (vice versa).
3. Le ngcaciso imfutshane yazisa zonke izikolo zePhase 3 ngamalungiselelo okuqhutywa koqeqesho lwangoJuni - Julayi:

24 Juni ukuya kwi-28 Juni 2013 01 Julayi ukuya kwi-05 Julayi 2013 Uqeqesho luya kuthatha iintsuku ezi-5. Amaxesha ngala alandelayo:

  • NgoMvulo: Ubhaliso ngo-8:00. Uqeqesho luqala ngo-8:30 luze luphele ngo-16:00
  • NgoLwesibini ukuya kuLwesine 08:30 ukuya ku-16:00
  • NgoLwesihlanu: 08:30 ukuya ku-14:00

Kucelwa ufunde isiHlomelo A ngokumalunga neendawo oluqhutyelwa kuzo.

ISithili seMfundo iMetro South ISithili seMfundo iMetro Central
ISithili seMfundo iMetro East ISithili seMfundo iMetro North
ISithili seMfundo iCape Winelands ISithili seMfundo i-Eden & Central Karoo
ISithili seMfundo i-iWest Coast  

4. Ngaba titshala balandelayo amababhalisele ukuya kuqeqesho:

  • Izikolo eziya kufumana i-Language training and support in Cycle 1 (makufundwe isiHlomelo A) mazibhalise bonke ootitshala beSigaba seSiseko (AmaBakala 1 ukuya ku-3), kuphela ibe ngootitshala beSigaba esiPhakathi (Intermediate Phase) abafundisa iiLwimi (AmaBakala 4 - 6) neeHODs zeZigaba zozibini.

  • Izikolo eziya kufumana i-Mathematics training and support in Cycle 1 (makufundwe isiHlomelo A) mazibhalise bonke ootitshala beSigaba seSiseko (AmaBakala 1 ukuya ku-3) kodwa kwiSigaba esiPhakathi (Intermediate Phase), kuphela ibe ngootitshala, abafundisa iMathematika (AmaBakala 4 - 6) neeHODs zeZigaba zozibini.

  • Utitshala onika inkxaso ekufundeni osebenza kweso sikolo naye angaya kuqeqesho xa kufanelekile.

  • Utitshala weklasi yeyunithi naye unokuya apho kufanelekileyo.
5. Ubhaliso

Ubhaliso kwangoko lootitshala abalapha ngentla lubalulekile ekucwangciseleni iveki yoqeqesho oluyimpumelelo. Ziyacelwa iinqununu ke ngoko ukuba zizalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) zize ziyibuyisele kumququzeleli weGET wesithili semfundo ochaphazelekayo ungadlulanga owe-29 Meyi 2013. (Makufundwe apha ngezantsi).

Onke amalungiselelo okuqhutywa kwekhosi kubandakanywa iirejista, izinto ezisetyenziswayo (course materials), izatifikethi, amalungiselelo okutyisa (catering) neendawo, aya kusekelwa kwingcaciso enikwe kwifom. Ukuchaneka kwale ngcaciso ke ngoko kubaluleke gqitha.


6. Amalungiselelo ohambo

Mabakhwelisane ootitshala kangangoko kunokwenzeka. Isibonelelo esiyintlawulo yohambo siya kuhlawulwa ngokwale miqathango ilandelayo:

  • Ukuqinisekiswa kobukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Owona mgama usezantsi owenzelwa ibango: Uwonke umgama owenzelwa ibango ngethuba leentsuku ezi-5 mawube ngaphezu kwe-100 km, o.k.t. ubuncinane mawube yi-20 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
  • Uwonke umgama owenzelwa ibango ngethuba leentsuku ezi-5 mawungabi ngaphezu kwe-700 km o.k.t. mawungabi ngaphezu kwe-140 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama we-700 km wokuya nokubuya, bacetyiswa ke ngoko ukuba mababhalisele indawo yokulala (Makufundwe apha ngezantsi).
  • Onke amabango makangeniswe kwigosa lamabango (claims officer) kwindawo yoqeqesho. Awayi kuqwalaselwa amabango afike emva kwexesha.
  • Ootitshala beSebe iWCED abahlawulwa ngesistim yePesali (Persal system), MABEZE neenombolo zePesali zabo.
  • Ootitshala abangengabo abeSebe iWCED abangahlawulwa ngesisitim yePesali, MABAZALISE iBAS Z76 eqhotyoshelweyo yaye bafake neenkcukacha zabo zebhanki kwifom engqinisisiweyo (verified), yafakwa isitampu yibhanki PHAMBI kwekhosi yoqeqesho.
  • Iindidi zamabango:
Ukusebenzisa imoto yakho Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo (standard rates) eyi-R2,50 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana okuhlawulelwayo kwimoto yabucala Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo eyi-R2,50 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
Ukusetyenziswa kwebhasi yesikolo Isikolo masingenise ileta echaza ukuba kusetyenziswe ibhasi yesikolo, amagama abakhweli nomgama ohanjiweyo. Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo eyi-R2,50 ngekhilomitha.
Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
Ukusetyenziswa komboneleli-nkonzo obhalisiweyo (registered service provider) Qaphela: makuqalwe kufunyanwe imvume kwangaphambili ngencwadi ebhaliweyo kumququzeleli weGET wesithili. Isikolo masifumane iikowuteshini ezi-3 size senze amalungiselelo okuqesha umboneleli-nkonzo onekowuteshini esezantsi. ISIKOLO masimhlawule umboneleli-nkonzo. Zonke iikowuteshini mazigcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-zincwadiwangaphakathi (internal auditor).

ISebe iWCED liya kusibuyisela isikolo loo ntlawulo lakuba lifumene amaxwebhu asayiniweyo, kubandakanywa imvume ebhaliweyo kwangaphambili yomququzeleli weGET wesithili.

Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa beliqela elinye kuloo ndawo banokudibanela kuyo bonke.

Ukusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke umz. iteksi, ibhasi, uloliwe Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo.

Ukuhlawulwa kwazo kuya kwenziwa ngokweereyithi ezimiselweyo. Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba kungqinisiswe amabango. Akunakwenziwa mabango ngeentlawulo zeeteksi ezibiza intlawulo ngokwemigama eziyihambileyo (metered taxis)


7. Indawo yokulala nokutya (apho kufanelekileyo)

Indawo yokulala nokutya (okwangokuhlwa nakusasa) ziya kufumaneka ngokwale miqathango kuphela:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawube ngaphezu kwe-120 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku.
  • Ukuqinisekiswa kokubakho kukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Ukususela ngosuku lokuqala ukuya kolokugqibela lwekhosi yoqeqesho, kukho amalungiselelo okukhetha ukuba ube sele ungaphakathi kwindawo yokuhlala (checking in) phakathi kwentsimbi ye-16:00 no-18:00 ngeCawa ephambi kokuqala kukamasifundisane.
  • Iindidi zendawo yokulala ezinokusetyenziswa:
Indawo yasehostele Kwenziwe amalungiselelo endawo yokuhlala kwikholeji yeFET, ekungekho ntlawulo kootitshala. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Ootitshala mabayibhukishe le ndawo yokulala kwisiliphu sobhaliso esiqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) ngomhla obekiweyo.
  • Indawo yokulala ehostele iya kuba kumagumbi ekulala ngaphezu komntu omnye yaye bayacelwa ootitshala ukuba beze neezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba nokuthambisa.
  • Iindawo zimbalwa. Kuya kulungiselelwa abafike kuqala.
Iindawo zokulala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, guest house, ihotele Ootitshala abakhetha ukungahlali ehostele banokulala kwiindawo zokulala eziqeshisayo nezibhalisiweyo. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Ootitshala mabazalise isiliphu esiqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) baze basibuyise ngomhla obekiweyo
  • Kunokwenziwa ibango lesixa-mali esingaya kutsho kwi- R300 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • I-invoyisi yentsusa (original invoice) yendawo yokuhlala mayisayinwe nangulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
Ukulala kwisizalwane Le miqathango ilandelayo isebenza kootitshala abakhetha ukulala kwisizalwane:

  • Ootitshala mabazalise isiliphu sobhaliso esiqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) baze basibuyise ngomhla obekiweyo
  • ngomhla obekiweyo Kunokwenziwa ibango lesixa-mali esingaya kutsho kwi- R160 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo yalowo usisizalwane esichaphazelekayo, nesayinwe nanguye lowo wenza ibango, lize lingeniswe kwigosa lamabango kwikhosi yoqeqesho.

8. Lenziwa njani ibango

  • Indawo yoqeqesho nganye iya kuba negosa lamabango eliya kusingatha amabango.

  • Onke amabango makangeniswe kwindawo yoqeqesho kwelo gosa lamabango linyuliweyo.

  • Uncedo malunga nokuzalisa iifom zamabango luya kubakho ngexesha leti nekofu nangexesha lekhefu yaye kunyanzelekile ukuba umenzi-bango (claimant) ayisebenzise le nkonzo yaye aqinisekise ukuba ibango lakhe lisemthethweni yaye lichanekile.

  • Akukho mabango afike mva aya kwamkelwa.

  • Akukho mabango angazaliswanga ngokupheleleyo aya kwamkelwa.

  • Abathathi-nxaxheba okanye izikolo ezinqwenela ukufaka amabango maziqinisekise ukuba ziza neenkcukacha namaxwebhu achaphazelekayo kule khosi. Makuqatshelwe oku kulandelayo:

    • Ootitshala beSebe iWCED abahlawulwa ngesistim yePesali MABEZE neenombolo zePesali zabo.

    • Ootitshala abangengabo abeSebe iWCED, nabangahlawulwa ngesistim yePesali, mabangenise i-BAS Z76 eqhotyoshelweyo kwigosa lamabango. (Makufundwe isiHlomelo C.) Iinkcukacha zebhanki ezifakwe kwifom MAZINGQINISISWE yaye zifakwe isitampu yibhanki PHAMBI kwekhosi yoqeqesho.

  • Ngamaxwebhu entsusa kuphela amakangeniswe. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa.

Abenzi-mabango baya kubuyiselwa iintlawulo kuphela emva kokuba igqityiwe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwasekuqaleni kwekhosi. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zibancede ootitshala bazo ngokumalunga noku. Uxwebhu olububungqina bentlawulo malugcinwe.

Ukubuyiselwa iintlawulo kuya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwamabango ngenyameko yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho nakuphi na ukungangqinelani kwengcaciso.


9. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi na eminye imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili semfundo ochaphazelekayo nonkcukacha zakhe zidweliswe apha ngezantsi:

ISithili seMfundo UMququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 amorgen@westerncape.gov.za 021 514 6953
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 mmakena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro South Fadli Wagiet 021 370 2041 Fwagiet@westerncape.gov.za 086 729 7055
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 Uesau@westerncape.gov.za 086 556 9519
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 epeck@westerncape.gov.za 086 5900 730
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 4604 eajohann@westerncape.gov.za 086 531 0476
Eden & C Karoo Marietjie Beukes 044 803 8320 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 086 242 1854

10. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba ingcaciso ekule ngcaciso imfutshane yaziswa bonke ootitshala yaye zonke iinkcukacha zobhaliso ezichaphazelekayo zingeniswa kumququzeleli weGET wesithili semfundo ungadlulanga owe-29 Meyi 2013.

11. ISebe i-WCED lijonge ngethemba ekuthatheni inxaxheba kwesikolo sakho ku-Phase 3 weli Phulo njengophawu olunika ithemba kumngeni esijongene nawo wokuphucula amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala nokuqinisekisa ukuba bonke abafundi bayakwazi ukufunda, ukubhala nokubala ngokwamanqanaba alindelekileyo amazwe ngamazwe.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:05:21

isiHlomelo A: IINDAWO NEZIKOLO EZIYA KUQEQESHO KWIILWIMI  (ubukhulu: 30 KB)
isiHlomelo B: UKUBHALISELA UQEQESHO KULWIMI  (ubukhulu: 31 KB)
isiHlomelo C: "BAS Creditor payment"  (ubukhulu: 30 KB)