1. I-AstroQuiz lukhuphiswano lwesayensi olwenzelwa abafundi beBakala 7 nolusekelwe kwimixholo enxulumene ne-astronomi (astronomy-related themes) yaye ikwanxulumene necandelo le-"Earth and Beyond" lesilabhasi yeeSayensi zeNdalo (Natural Sciences syllabus).

2. I-AstroQuiz yiprojekthi exhaswa ngemali yi-South African Agency for Science and Technology Advancement yaye iqhutywa kweli phondo yi-South African Astronomical Observatory (SAAO). Injongo yale projekthi

  • kukukhuthaza umdla kwisayensi kwizikolo eziziiprayimari;
  • kukuphucula indlela yokufundisa eklasini;
  • kukwenza ukuba kwaziwe yaye kuqondwe nzulu ngemiba esisiseko kwi-astronomi, kwisayensi nakwimathematika;
    kunye
  • nokukhuthaza umdla kumathuba anokuvela kwikhondo le-astronomi nakwezinye iisayensi.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) likhuthaza izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwi-AstroQuiz ka-2013.

4. I-AstroQuiz lukhuphiswano oluqhutywa ngesiNgesi kuphela. Iphekhi yezibonelelo (resource pack) ze-AstroQuiz namaphepha emibuzo eminyaka yangaphambili, ziya kusiwa yi-SAAO kwizikolo ezithatha inxaxheba.

5. ISebe iWCED licela ukuba zonke izikolo ziyisebenzise iphekhi yezibonelelo i-AstroQuiz resource pack namaphepha emibuzo ngokuthi zinike abafundi baprekthizele ukubhala ikhwizi. Oku kufanele kube ngumsebenzi ekusetyenziswa kuwo iincwadi nezinye izibonelelo ukufumana iimpendulo zemibuzo (open-book activity) ngamaqela abafundi abane, apho iqela ngalinye lisebenza kunye.

6. Iinkcukacha nemihla ebalulekileyo malunga nekhwizi zinikwe kuxwebhu lwengcaciso oluqhotyoshelweyo (AQ_Information_2013) kwiletahedi yeNRF/SAAO.

7. Imijikelo emibini yokuqala ye-AstroQuiz yephondo iya kubanjelwa esikolweni. UMjikelo 1 uya kuba ngoLwesihlanu we-12 Apreli 2013 ukuze uMjikelo 2 ube ngoLwesihlanu we-7 Juni 2013. Izikolo zinokwenza amalungiselelo okuthatha inxaxheba kule mijikelo mibini zisebenzise ikhompyutha.

8. UMjikelo 3 no 4 wephondo uya kubanjwa ngosuku olunye, ngoLwesihlanu we-26 Julayi 2013, e-SAAO e-Observatory, eKapa. Isikolo esiwinayo siya kumela iphondo kukhuphiswano lukazwelonke, oluya kuba ngoLwesihlanu we-25 Oktobha 2013. Indawo yokhuphiswano lokugqibela lukazwelonke iya kwaziswa kamva.

9. Usuku lokugqibela lobhaliso nguLwesine we-28 Matshi 2013. Izikolo ezinomdla mazibhalise ngqo kwi-SAAO. Makusetyenziswe le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo (AQ_registration form_2013) ize ithunyelwe ngefeksi okanye nge-imeyili ku-SAAO. Izikolo ezinenjongo yokwenza ikhwizi kwikhompyutha (quiz online) mazityelele eli ziko lewebhu: astroquiz.saao.ac.za ukuze zibhalise. Isistim yekhompyutha ifuna u-Internet Explorer 9 (or later version), Firefox or Safari ukuba usebenzisa u-Mc.OS. Qinisekisa ukuba kufakwa udidi lwesistim olutsha (new version) ngokukhawuleza ukuba isikolo sisenodidi lwesistim oludala (old version).

10. Ootitshala beBakala 7 bezikolo ezithatha inxaxheba, baya kumenywa yi-SAAO ukuba beze kumasifundisane we-Astronomy Software. Baya kwaziswa nge-software ye-astronomi ethile enomdla nenokusetyenziswa eklasini ukwandisa ulwazi nomdla wabafundi kwesi sifundo. Lo masifundisane uya kwenziwa ngekhompyutha yaye uya kufuna umntu okwazi ukufikelela kwikhompyutha. Imihla yaba masifundisane iya kwaziswa yi-SAAO.

11. Kucelwa ukuba iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beeSayensi zeNdalo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:03:14

"AQ_Information_2013"  (ubukhulu: 51 KB)
"AQ_registration form_2013"  (ubukhulu: 34 KB)