1. Ingcaciso yokwandlalela
1.1 Phakathi kweenjongo eziphambili zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kukwakha iziseko eziluqilima zolwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala kwizikolo eziziiprayimari, ukwenzela ukuba kuphuculwe ireyithi yokupasa. Ngenxa yoku, sele liphunyeziwe iqela leenkqubo zongenelelo ngoncedo eziphambili zephondo eli.
1.2 Elinye lezi nkqubo zongenelelo ngoncedo liphulo loNgenelelo ngoNcedo loLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala lweSebe iWCED (WCED's Literacy and Numeracy Intervention), elibandakanya uthatho-nxaxheba lwabo bonke ootitshala bamaBakala 1 – 6 abafundisa iiLwimi neMathematika kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziziiprayimari.
1.3 Isikolo sakho sikhethelwe ukuthatha inxaxheba kwiSigaba 3 songenelelo ngoncedo, esiqala nge-25 Juni 2013 ukuya kutsho kwi-30 Juni 2015.

2. UNgenelelo ngoNcedo loLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala lweSebe iWCED kumaBakala 1 – 6
2.1 Ungenelelo ngoncedo luqhubeka ithuba eliyiminyaka esi-8, ukususela ngo-2008 ukuya kutsho ngo-2016. Luqaliswa ngezigaba ezi-4, ezichaphazela malunga nezikolo eziyi-250 kwisigabangasinye. Isigaba ngasinye sithatha iminyaka emi-2 ukwenziwa sigqitywe yaye sibandakanya ukuqhubeka okokoko noqeqesho, inkxaso, ukuxhotyiswa ngamava (mentoring) ukuncediswa (coaching) kwiiLwimi neMathematika.
2.2 Ungenelelo ngoncedo lusebenzisa ubuchule beengcali ekufundiseni uLwimi neMathematika, zincedisana nabacebisi ngezekharityhulam abaqeqeshiweyo beSebe iWCED.
2.3 Injongo yongenelelo ngoncedo kukuphucula ukufundiswa kweeLwimi neMathematika kusetyenziswa iindlela ekwenziwe uphando ngazo zaza zangqinwa njengeziyimpumelelo kuzo zonke iimeko, nezithi ke ngaloo ndlela zandise amathuba okuphumelela abo bonke abafundi.
2.4 Ukuza kuthi ga ngoku, sekwenziwe uqeqesho kwanikwa nenkxaso izikolo eziyi-250 zeSigaba 1 (ukususela ngoJuni 2009 ukuya kuJuni 2011) kunye nezikolo eziyi-258 zeSigaba 2 (ukususela ngoJuni 2011 luqhube kuye kutsho kuJuni 2013). Uvavanyo lwangaphandle lweziphumo zongenelelo ngoncedo lwe-Joint Education Trust lubonisa utshintsho oluthembisayo kwindlela yokucinga (attitude) yootitshala ngokubhekiselele kwezi zifundo, lo gama ucazululo olwandulelayo (preliminary analyses) lweeMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke zika-2012 neziphumo zoVavanyo lweNkqubo yeMfundo yeSebe iWCED (WCED's Systemic Test results) zibonise iimpawu zokunyuka komgangatho.

3. Ukuphunyezwa kwenkqubo yeSigaba 3 (ngoJuni-Julayi 2013 ukuya kuJuni-Julayi 2015)
3.1 Uqeqesho lootitshala lweSigaba 3 luya kuqhubeka ngeeholide zesikolo zikaJuni-Julayi 2013 – iintsuku ezi-5 zethuba eliqalela ku-24 Juni ne-5 Julayi 2013. Isikolo sakho siya kubakho kwenye yeeveki zoqeqesho. Izikolo ziyacelwa ke ngoko ukuba ziyibekele bucala le mihla.
3.2 Iinkcukacha zamalungiselelo oqeqesho lukaJuni-Julayi 2013 ziya kulandela kungekudala.
3.3 Iiseshoni zengcaciso ziya kuqhutywa nazo zonke izikolo zeSigaba 3 yaye i-ofisi yesithili semfundo yakho iya kukwazisa ngemihla nendawo yezi seshoni. Kucelwa uqaphele ukuba ezi seshoni zibaluleke kakhulu gqitha njengoko zibeka isiseko seminyaka emi-2 ezayo.

4. Ukuphuculwa koLwimi neMathematika lwabafundi kubaluleke gqitha kuzo zonke izigaba neenkalo zemfundo. Ngako oko ke, sinethemba lokuba isikolo sakho siya kulivuyela kakhulu eli thuba lilodwa nelinqabileyo lokwenza igalelo ekuqinisekiseni ukuba bonke abafundi abakwiphondo lethu bayakwazi ukufunda, ukubhala nokubala kumanqanaba afunekayo.

5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, ikomiti yolawulo yesikolo nebhunga lolawulo lesikolo ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:03:11