1. |
I-national Natural Science Olympiad yiprojekthi exhaswa ngemali ngu-Edcon nge-South African Agency for Science and Technology Advancement (SAASTA). Injongo ye-Olimpiyadi
- kukudala umdla kwisayensi kubafundi nokubakhuthaza bafunde iisayensi kwiSigaba seFET;
- kukuqaphela abafundi beeSayensi zeNdalo abaziintshatsheli kuzwelonke;
- kukunika inkxaso ootitshala beeSayensi zeNdalo kunye nokuphucula indlela abafundisa ngayo; kunye
- nokuqaphela italente kubafundi beeSayensi zeNdalo.
|
2. |
I-Olimpiyadi ngumsebenzi ohlupheza ingqondo ofuna abo bayingeneleyo babonise ukucinga ngokuphangaleleyo (critical thinking), izakhono zokwazi ukusombulula iingxaki (problem-solving abilities) nengqondo ekwazi ukuvelisa izinto ezintsha (innovativeness and creativity). Ixhasa isiCwangciso i-Strategy for Mathematics and Physical Science seSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED). Kukho amabhaso ancumisayo aza kuwinwa ngabo bafundi baphume emagqabini kwi-Olimpiyadi. |
3. |
Ngo-2013, ziyi-64 izikolo zaseprayimari zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ezabhala i-Olimpiyadi. La mabhaso alandelayo anikwa izikolo eziphumeleleyo eNtshona Koloni kudidi lukazwelonke (national category):
Igama lesikolo |
Ifaninee-inishiyali zomfundi |
IBakala |
I-% efunyenweyo |
Ibhaso |
Sunlands Primary |
Jasson D |
6 |
83 |
Ithablethi, indebe, imedali nesatifikethi |
Star International |
Hoosain M I |
6 |
82 |
Ithablethi, indebe, imedali nesatifikethi |
Eikestad Primary |
Van Wyk T M |
6 |
82 |
Ithablethi, indebe, imedali nesatifikethi |
Kleinmond Primary |
Izikolo ezibe ziintshatsheli kuzwelonke ngokubanzi – indawo yesithathu |
Indebe nevawutsha yezixhobo zelebhu ezixabisa i-R4000 |
|
4. |
Kufuneka kuqatshelwe yaye kukhuthazwe abafundi abaneetalente abanjengaba kwizikolo zethu. |
5. |
I-Olimpiyadi luviwo olunemibuzo ekhethisayo (multiple-choice examination) olubhalwa ngesiNgesi kuphela. Yahlulwe yaba ziindidi ezimbini, iSigaba esiPhakathi neSigaba saBadala. Luya kubhalwa ukususela ngo-09:00 – 12:00 ngoLwesine we 8 Meyi 2014. Umhla wokuvala ubhaliso nguLwesihlanu we-31 Januwari 2014. |
6. |
ISebe iWCED likhuthaza izikolo ukuba zingenise abafundi besayensi abathembisayo nabaqhuba kakuhle kumaBakala 4 - 9 kule Natural Science Olympiad ka-2014. |
7. |
Makuqatshelwe ukuba i-Olimpiyadi inyanzelekile kubo bonke abafundi abakwi- Dinaledi Main neeDinaledi Incentive Schools. |
8. |
Intlawulo yokuthatha inxaxheba kwi-Olimpiyadi yi-R10.00 ngomfundi ngamnye. Le mali mayidipozithwe ngqo kwi-akhawunti yebhanki ye-SAASTA. Iinkcukacha zikwiifom yokungenela. Akukho nani liqingqiweyo labafundi abafuna ukungenela i-Olimpiyadi. |
9. |
Ziyacelwa izikolo ukuba zikuqinisekise ukuthembeka (integrity) kwe-Olimpiyadi ngokubagada ngenyameko abaviwa ababhala iimviwo. Ukuba kuthe kwakho isitenxo, isikolo esichaphazelekayo siya kukhutshwa ngoko nangoko kwi-Olimpiyadi. |
10. |
Ziyacelwa izikolo ukuba zizalise yaye zisayine ezi fom zobhaliso ziqhotyoshelweyo (IziHlomelo A no-B) zize zizibuyisele ngefeksi okanye nge-imeyili kwi-SAASTA ngqo engabethanga u-14:00 ngoLwesihlanu we-31 Januwari 2014. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:12:04
|
|