1. Imvelaphi
1.1 ISebe leMfundo esiSiseko likhuphe uMgaqo-nkqubo oyiDrafti wokuQaliswa ngeZigaba kweeLwimi zesiNtu (IIAL). Lo mgaqo-nkqubo uyidrafti uya kulingwa kwiBakala 1 ngo-2014 kwizikolo ezikhethiweyo kuwo onke amaphondo.
1.2 Lo mgaqo-nkqubo oyidrafti uneenjongo ezi-3:

  • Ukukhuthaza nokomeleza ukusetyenziswa kweeLwimi zesiNtu (African Languages) ngabo bonke abafundi kwinkqubo yesikolo
  • Ukuphucula ubuchule ekusetyenzisweni kweeLwimi zesiNtu kwinqanaba loLwimi lweeNkobe (Home Language level) ukwenzela ukuba abafundi babenako ukusebenzisa uLwimi lwabo lwesiNtu ngeenjongo zokufunda (academic purposes) njengolwimi lokufunda nokufundisa
  • Ukukhuthaza ubumbano ngokwasentlalweni (social cohesion)
2. Ukuphunyezwa kweprojekthi elingwayo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED)
2.1 ISebe iWCED liya kuphumeza le projekthi isalingwayo i-IIAL pilot project kwizikolo eziyi-10 ukuya kweziyi-20 ezikwizithili zemfundo i-Metro ngo-2014.
2.2 Izikolo ezichaphazelekayo kule projekthi ziya kufundisa isiXhosa uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (Xhosa First Additional Language) kwiBakala 1. Ngako oko iya kuba zizikolo ezifundisa ngoku ezi lwimi zinokukhethwa zilandelayo: isiNgesi uLwimi lweNkobe (English Home Language) nesi-Afrikansi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (Afrikaans First Additional Language) OKANYE isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe (Afrikaans Home Language) nesiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (English First Additional Language). Ngako oko, uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo lwesibini (second First Additional Language) oluza kufundiswa iya kuba sisiXhosa.
2.3 Le projekthi ilingwayo iya kuqhuba unyaka omnye (ukuqala ngoJanuwari kuye kuDisemba 2014) yaye iya kwenziwa zizo zonke iiklasi zeBakala 1 nabo bonke abafundi kwisikolo ngasinye kwezichaphazelekayo. NgoSeptemba 2014, kuya kubhungiswana nezi zikolo malunga nezo zinto zizifundileyo kule projekthi nezicwangciso zazo zango-2015 nangaphaya kwakhe.
2.4 Ezi zibonelelo zilandelayo ziya kwenziwa zifumaneke ngo-2014 kuzo zonke izikolo ezichaphazelekayo:

  • ISebe leMfundo esiSiseko liya kubonelela abafundi ngeencwadi zokwenza umsebenzi ii-FAL Xhosa learner workbooks.
  • ISebe iWCED liya kubonelela ezi zikolo ngootitshala abangoonojikeleza (itinerant teachers). Izithuba zethutyana ziya kubhengezwa ngokukhawuleza kuluhlu lwezithuba olukhethekileyo (special vacancy list).
2.5 Izikolo ezinqwenela ukuthathelwa ingqalelo kule projekthi ilingwayo zakuba zibhungisene nebhunga lolawulo lesikolo (SGB) ne-ofisi yesithili semfundo, kufuneka zizalise ifom yesiHlomelo A eqhotyoshelweyo ziyingenise kwiSebe iWCED. Xa kusingethwe umba wokuba sifakwe na isicelo, iSGB mayikhumbule umba wobude bosuku lwesikolo nethayimthebhile neziphumo zoko, umzekelo, ngaba kungandiswa ixesha lesikolo kusini na okanye kusetyenziswe ixesha elabelwe njengangoku iBakala 1 (iiyure eziyi-23 ngeveki).
2.6 Ifom yesicelo isiHlomelo A ezaliswe ngokupheleleyo mayithunyelwe nge-imeyili kulo Phumla.Satyo@westerncape.gov.za ungadlulanga owe-18 Septemba 2013. Isikolo siya kwaziswa ngesiphumo sesicelo saso ungadlulanga owe-10 Oktobha 2013.
2.7 Ukuba isikolo sivunyiwe kule projekthi, makwaziswe abazali babafundi beBakala 1 abatsha abaza kwamkelwa ngo-2014 malunga noku.

3. Eminye imibuzo inokuthunyelwa kuNksk PP Satyo, uMlawuli oyiNtloko oBambeleyo: woPhuhliso lweKharityhulam, kule dilesi ye-imeyili Phumla.Satyo@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefoni 021 467 2622.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:09:06

isiHlomelo A: ISICELO SOKUQWALASELELWA UKUNGENA KWIPROJEKTHI ELINGWAYO YESEBE I-WCED NGO-2014 ENGOKUQALISWA NGEZIGABA KWEELWIMI ZESINTU  (ubukhulu: 58 KB)