1. Uphando lubonise ukuba abafundi abaninzi batsala nzima kwiimvavanyo xa bejongene nemibuzo entsokothileyo efuna ukucingwa nzulu kwaye kusonjululwe amaqhina. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lithe, ngoncedo lweengcali nakwiinzame zalo zokuphucula izakhono zabafundi kwezi nkalo zimbini, lavelisa ezi prompt panels zokuncedisa ootitshala ekuphuhliseni izakhono zokucinga nzulu izinto ezintsokothileyo nokusombulula amaqhina kubafundi babo. Ii-prompt panels ngamakhadi aza kubekwa kwikhasi olifundayo anemibuzo eza kuba ngaloo ndawo uyifundayo, afune ukuba uxoxe ngayo kwaye uyiqonde into oyifundayo.
2. Zonke izikolo ziya kufumana ezi phaneli zilandelayo emazisetyenziswe kumaBakala 1 - 6:

KwiiLwimi

Iklasi nganye kumaBakala 1 - 6 iya kufumana ezi phaneli zilandelayo zamacebo okuphendula imibuzo (kulwimi lokufunda nokufundisa esikolweni, yaye zicwangciswe ngokwezigaba zokufunda):

  • Iphaneli enye (1) yenqanaba labafundi abasaqalayo ukufunda (yokusetyenziswa ngutitshala)
  • Iphaneli enye (1) yenqanaba labasandula kuqala ukufunda (yokusetyenziswa ngutitshala)
  • Iphaneli enye (1) yenqanaba labakwazi ukufunda kakuhle nangengqiqo (yokusetyenziswa ngutitshala)
  • Iiphaneli ezili-12 zamanqanaba amaqela azifundela engancediswa (zokusetyenziswa ngabafundi bengamaqela)

KwiMathematika

Iklasi nganye kumaBakala 3 - 6 iya kufumana iiphaneli zenkxaso eziyi-20 ezingokusombulula amaqhina kwizibalo (Maths problem-solving), ekuya kwabelwana ngazo ngabafundi ngababini.

3. Ii-prompt panels zoLwimi nezeMathematika mazisetyenziswe ngethuba lokufundiswa kwezi zifundo zozibini.
4. Ootitshala baya kufumana iseti yezikhokelo ezisetyenziswa kwii-prompt panels.
5. Iipasela zeephaneli ziya kusiwa ngo-Agasti/Septemba 2013 ngumboneleli-nkonzo otyunjiweyo.
6. Ziyacelwa iintloko zezifundo ukuba zikubeke esweni ukusetyenziswa kweephaneli yaye zinike iinkxaso eyimfuneko kootitshala. Isikhokelo esinikiweyo sikucacisa ngokuthe gca oku.
7. Amagosa ezithili zemfundo aya kunika inkxaso ngethuba leeseshoni zezikolo ezisebenzisanayo (cluster sessions) nangethuba lokuhanjelwa kwezikolo ukuzinika inkxaso.
8. ISebe iWCED linethemba lokuba ezi zibonelelo ziya kunika iziphumo ezinqwenelekayo yaye ziyakhuthazwa izikolo ukuba zizisebenzise ngokupheleleyo.
9. Ziyacelwa ke ngoko iinqununu ukuba zazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala bamaBakala 1 - 6 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:09:05