1. NgeCawa, umhla we-8 Septemba 2013 luSuku loLwazi lokuFunda nokuBhala lwaMazwe ngaMazwe (International Literacy Day) yaye lujolise ekubeni kuthathelwe ingqalelo ngumntu wonke kwihlabathi jikelele ukubaluleka kolwazi lokufunda nokubhala.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) libongoza zonke izikolo ukuba zivuyele olu Suku loLwazi lokuFunda nokuBhala lwaMazwe ngaMazwe ngoMvulo we-9 Septemba 2013.
3. Kucelwa izikolo ziququzelele kuwo onke amabakala imisebenzi yokufunda eqhubeka de kuye kutsho kowe-9 Septemba.
4. ISebe iWCED licebisa ukuba umfundi ngamnye makakhethe incwadi ayithandayo elibali (fiction) okanye ebhalwe ngezinto eziyinyaniso (non-fiction) aya kuyifunda iintsuku eziliqela. IRekhodi yokufunda yosuku ngalunye (Daily reading record) (Funda isiHlomelo 1 ukujonga umzekelo) iya kukhokela umfundi ngamnye inani lamakhasi amakafundwe ngosuku ngalunye. Oku kuya kumiselwa ngutitshala. Abafundi banako, eneneni, ukufunda ngaphezu kwencwadi enye yaye ezi ncwadi mazidweliswe kwiFom yokubeka esweni ukufunda iincwadi (Book monitoring form) (Funda isiHlomelo 2 ukufunda umzekelo), ebekwe esweni ngutitshala.
5. Umsebenzi wokufunda kufuneka ufikelele encochoyini nge-9 Septemba 2013 ngokuthi abafundi babelane nabanye ngabakufundileyo, kwaye babhale isishwankathelo sencwadi abayifundileyo. Kukhuthazwa ukuba kusetyenziswe iindlela zezikhuthazi zaseklasini nasesikolweni (class- and school-based incentives) kubafundi ababonise umdla mpela koku.
6. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abafundisa iiLwimi kumaBakala R – 9 ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:09:02

isiHlomelo 1 & isiHlomelo 2  (ubukhulu: 20 KB)