1. Isikolo ngasinye siya kufumana iincwadana ezimbini ngesiNgesi ezisihloko sithi Money in Action, zootitshala be-Economic and Management Sciences (EMS) kumaBakala 7-9. Ezi ncwadana zibonelelwe yi-Financial Services Board yaye zihamba kunye nephowusta eneenkcukacha zezicwangciso zezifundo, namaphepha okwenza umsebenzi (activity sheets) neememo zokumakisha kwizihloko ezikhethiweyo kwisilabhasi ye-EMS, njengoko ikwiNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo, amaBakala 7 - 9 (Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS), Grade 7 - 9).

2. Ezi ncwadana mazithathwe ngokuba zizibonelelo ezincedisa ukufundisa nokufunda (supplementary teaching and learning resource) emazisetyenziswe xa kufundiswa ezi zihloko zilandelayo kwi-EMS:

The economy: Basic needs and wants, government revenue
Financial literacy: Personal savings, business budget, source documents, CRJ, credit transactions
Entrepreneurship: Entrepreneurs’ Day budget, factors of production, sectors of the economy, functions of a business
3. Le ncwadana ilungiswe ngokwesiCwangciso sokuFundisa soNyaka (Annual Teaching Plan), njengoko sinikwe kwiCAPS ye-EMS, ukwenzela ukuba ibandakanywe kumsebenzi wokufundisa eklasini. Isicwangciso sesifundo ngasinye sinika isihloko, izihlokwana, ikota neveki (njengoko zikwi-Annual Teaching Plan), imisebenzi yeklasi neememo zokumakisha. Kukho nethemba lokuba le ncwadana iya kusetyenziswa njengomzekelo (model) ngootitshala xa becwangcisa izifundo zabo ze-EMS.

4. Ukusiwa ezikolweni kwe-Money in Action kuya kuqhubeka ngenyanga ka-Septemba 2013 kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziziiprayimari eziqhelekileyo nakwizikolo eziphakamileyo eNtshona Koloni. Kucelwa uqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam we-EMS wesithili semfundo ukuba unayo nayiphi na imibuzo.

5. I-Financial Services Consumer Foundation ilibalule igalelo laba balandelayo lokuvelisa nokuhlalutya (production and reviewing) le ncwadana:

  • Amagosa eSebe leMfundo esiSiseko
  • Abasebenzi be-Consumer Education Department kwi-Financial Services Board
  • I-South African Insurance Association
  • I-Financial Services Consumer Education Foundation
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala be-EMS esikolweni, ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:09:02