1. ISetyhula S3 ka-2013 yeSebe leMfundo esiSiseko (iSebe iDBE) yazisa ukuba uncwadi olumiselwe ukufundwa lweBakala 12 ngo-2013 lumiselwe ukufundwa kwakhona nango-2014.
2. Njengoko ukuthenga uncwadi lweFET neencwadi zezifundo ezingqinelaniswe neCAPS zika-2014 kwakunyaka-mali omnye kubangela uxinzelelo olukhulu kwiibhajethi zamaphondo, iSebe iDBE livakalise ukuba izintlu zoncwadi olumiselwe ukufundwa zeBakala 12 ngo-2013 ziphinde zamiselwa ukufundwa kwakhona kuzo zonke iilwimi ukulungiselela iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-2014.
3. Izintlu ezintsha zoncwadi olumiselwe ukufundwa lweFET ziya kuqaliswa kwithuba leminyaka emibini: iinoveli namabalana amafutshane ngo-2015, nedrama nemibongo ngo-2016.
4. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beelwimi abenza umsebenzi wokulungiselela abaviwa iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:05:10