1. |
ISebe leMfundo esiSiseko (iSebe iDBE) likhuphe iSetyhula S3 ka-2013, eyazisa ngokulibaziseka kokuqaliswa koncwadi lwemveli kumacandelo oncwadi lweelwimi zaseAfrika lweBakala 12 kude kube ngu-2015. |
2. |
ISetyhula S3 icacisa ukuba iNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo yeFET (FET Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS)) yenza isibonelelo sokufundiswa kohlobo loncwadi olongezelelweyo, olulolu, uncwadi lwemveli, njengolungakhethwa endaweni yokufundwa kwenoveli kwiBakala 12 kwinqanaba loLwimi lweeNkobe kwiilwimi ezilithoba zaseAfrika. |
3. |
KwiBakala 12, uncwadi lwemveli njengangoku luyinxalenye yecandelo le-Orali (iPhepha 4) yaye, ngenxa yoku, akukho zihloko zoncwadi lwemveli kuluhlu lweencwadi ezifundwayo ezimiselweyo (literary prescribed works) zePhepha 2 (uNcwadi) ngo-2014. Ukulungisa oku, iSebe iDBE njengangoku lilungisa uluhlu lweengqokelela zoncwadi lwemveli (folklore anthologies) lweelwimi ezilithoba zaseAfrika. |
4. |
Ngenxa yengxaki enkulu yokunqongophala kwemali amaphondo ajongene nayo ekuboneleleni ngeencwadi zezifundo kubo bonke abafundi ngo-2014, iBhunga laBaphathiswa beMfundo (Council of Education Ministers) lifikelele kwisigqibo sokuba likurhoxise ukuqaliswa koncwadi lwemveli kumacandelo oncwadi lweelwimi zaseAfrika kwiBakala 12 kude kube ngu-2015, apho kuya kuqaliswa izintlu ezintsha ezimiselweyo zeenoveli nezamabalana amafutshane. |
5. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beelwimi zaseAfrika abenza umsebenzi wokulungiselela abaviwa iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:05:10
|
|