1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lisebenzisa usasazo ngqo lwezifundo ngoncedo olwaziwa ngokuba yi-interactive telematic teaching (izifundo zisasazwa ngethekhinoloji yesathalayithi esuka kwi-Univesithi yaseStellenbosch) ngethuba eliqala nge-8 Meyi ukuya kutsho kwi-31 Oktobha 2013. Ezi zifundo, ezifundiswa ngootitshala abanamava, ziya kusasazwa ngqo kwizikolo eziyi-145 ezikhethiweyo kwizithili zemfundo ezisibhozo zaseNtshona Koloni ukususela ngo-15:00 - 17:00 ngeentsuku zeveki ezithile.

2. Kuya kusasazwa ezi zifundo zilandelayo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke:

  • IMathematika
  • IFizikhali Sayensi
  • I-Akhawuntingi
  • IJografi
  • IiSayensi zoBomi
  • IsiNgesi FAL
  • Isi-Afrikansi FAL
3. IsiHlomelo A esiqhotyoshelwe apha sinika ithayimthebhile yezifundo yeSebe iWCED.

4. Isikolo ngasinye kwezi ziyi-145 siya kufumana izinto zokunika inkxaso abafundi kwezi zifundo zifundiswayo. (Jonga ilisti yezikolo ezikwisiHlomelo B esiqhotyoshelwe apha.) Kuya kusiwa izinto zokunika inkxaso abafundi kwii-ofisi zezithili zemfundo neziya kuthi zisasazwe ezikolweni ukusuka apho.

5. Abenzi-sasazo (presenter) ziincutshe zootitshala abakhethwe ngenxa yobungcali babo kwizifundo zabo.

6. Kulindeleke ukuba ootitshala bezifundo kwisikolo ngasinye balawule yaye babeke esweni ukufunda ngethuba kusenziwa usasazo ngqo lwezifundo.

7. Njengoko izifundo ziqhutywa emva kweeyure zesikolo apha evekini, kunyanzelekile ukuba iinqununu zixoxe ngamalungiselelo nabazali babafundi bamaBakala 10, 11 no-12, kwakunye namabhunga olawulo azo.

8. Ukuya kwezi zifundo kwabafundi kuya kubekwa esweni rhoqo nguNdlunkulu nangamagosa ezithili zemfundo.

9. Kuya kulindeleka ukuba iinqununu zinike ingxelo qho ngeveki ngokuya kwabafundi kwezi zifundo kwakunye nempumelelo okanye ubunzima obufunyenweyo malunga nale program.

10. IiDVD zosasazo zinokuthengwa ngexabiso elifikelelekayo ngokufonela kwa-EDUMEDIA kule nombolo yefoni 021 689 9536. Izinto zokufunda zikwafumaneka nakwiziko lewebhu leSebe iWCED apha http://curriculum-dev.wcape.school.za

11. Okwenzeke kutshanje ekufundiseni nge-telematics kukongezelelwa kweSebe leMfundo loMntla Koloni, lona linika inkxaso kubafundi beBakala 12 balo. Zonke izifundo abazifundisayo zinokubukelwa zizikolo zeprojekthi yeSebe iWCED eziyi-145. Ithayimthebhile yabo iqhotyoshelwe apha njengeSihlomelo C. Uyazikhethela ngokwakho ukuya kwezi zifundo kuba kungekho zinto zokufunda zingamaphepha kuya kubonelelwa ngazo ezikolweni zeSebe iWCED. Nakuba kunjalo, iikopi ezifumaneka ekhompyutheni zezi zifundo ziya kuthunyelwa kwiziko lewebhu leCandelo loPhuhliso lweKharityhulam leSebe iWCED ukwenzela ukuba zikotshwe.

12. Sijonge ngethemba ekuqhubeleni phambili le projekthi enika umdla kunye nani.

13. Ukuba ninayo nayiphi na imibuzo ngale nkqubo, kucelwa ningalibazisi niqhagamshelane noWalter Mercuur, kule nombolo yefoni 021 467 2630 okanye ngale dilesi ye-imeyili walter.mercuur@westerncape.gov.za

14. Kucelwa iinqununu zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala abachaphazelekayo; abafundi bamaBakala 10, 11 no-12 kunye nabazali babo okanye abagcini (guardians) babo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:04:23

IsiHlomelo A: "Telematics Learner Support Programme Broadcast Schedule 2013"  (ubukhulu: 51 KB)
IsiHlomelo B: "Schools presenting lessons on Telematics platform"  (ubukhulu: 39 KB)
IsiHlomelo C: "Telematics Schedule for 2013"  (ubukhulu: 55 KB)