1. ISebe leMfundo esiSiseko liya kuba liqhuba uKhuphiswano lweYCAP yesi-4 ngo-2013. Olu khuphiswano luchaphazela abafundi beBakala 10 kwimisebenzi egxininisa kwimiba yezentlalo ebabangela inkxalabo esikolweni sabo okanye kwindawo abahlala kuyo.

2. Olu khuphiswano kwakhona lunenjongo yokukhulisa ulwazi lwabafundi ngeemfundiso ezixhasa uMgaqo-siseko ngokuthi babe nokuthatha inxaxheba kwimiba yezentlalo enxulumene neCAPS yoLwazi ngezoBomi yeBakala 10. Kulindeleke ukuba abafundi bazise inguqu ethembisayo ngomba abawukhethileyo.

3. Olu khuphiswano lumisela ukuba iqela labafundi beBakala 10 likhethe iprojekthi lize lilandele isikhokelo esinikiweyo nekhithi esisixhobo sokuncedisa ukufunda (toolkit) eya kusiwa ezikolweni. Kuya kufuneka abafundi babonise ukuba bayakwazi ukwenza ibhajethi yeprojekthi yabo, kunye nokulandelela imali abayenzayo yokunyusa ingxowa naleyo bayichithayo. Iqela elo kufuneka kwakhona libonise ukuba likwazi kangakanani na ukwenza iphothifoliyo ngobuchule obukhulu nokwandlala ingcaciso ngomlomo ngohlobo olucace gca nangokuzithemba.

4. Izikolo ziya kunikwa amabhaso kwinqanaba lephondo nakwinqanaba likazwelonke:
4.1 Kwiphondo: Isikolo esiphume emagqabini siya kufumana i-R5 000,00 yokusetyenziselwa ukwandisa iprojekthi. Isikolo esiphume kwindawo yesibini siya kufumana i-R2 000,00 size isikolo esiphume kwindawo yesithathu sifumane i-R1000,00. Isikolo esiphume emagqabini siya kumela iphondo laso kukhuphiswano lukazwelonke.
4.2 Kuzwelonke: Isikolo esiphume emagqabini siya kufumana i-R10 000,00 yokusetyenziselwa ukwandisa iprojekthi. Isikolo esiphume kwindawo yesibini siya kufumana i-R7 500,00 size isikolo esiphume kwindawo yesithathu sifumane i-R5 000,00.
4.3 Ilungu ngalinye lamaqela aphume kwindawo yokuqala, yesibini neyesithathu liya kufumana iSatifikethi i-Platinum Certificate of Performance.
4.4 Zonke iindleko zothutho nezokulala ezinxulumene nokhuphiswano lukazwelonke ziya kuhlawulwa ngumxhasi (sponsor).

5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukukhuthaza zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kolu khuphiswano. Ukungenela, kucelwa uzalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo uze uyibuyisele kuNksk DJ Christiaans ungadlulanga owe-20 Apreli 2013. Inokuthunyelwa ngefeksi apha 021 467 2258 okanye ithunyelwe nge-imeyili aphaDaleen.Christiaans@westerncape.gov.za.

6. Ukufumana ingcaciso engaphezulu malunga nokhuphiswano, kucelwa uqhagamshelane noNksk DJ Christiaans kule nombolo yefoni 021 467 2589 okanye noMcebisi ngezeKharityhulam wesifundo soLwazi ngezoBomi kwi-ofisi yesithili semfundo sakho.

7. Kucelwa wazise le ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi beBakala 10 ukwenzela ukuba bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:04:05

IFOM YOBHALISO  (ubukhulu: 25 KB)