1. Ngo-12 Septemba 2011, iSebe leMfundo esiSiseko lapapasha iGazethi kaRhulumente No. 34600, eyabhengeza ukuba iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement (NCS)) ibandakanya la maxwebhu alandelayo:

  1. The Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS) for all approved subjects for Grades R – 12 (CAPS)

  2. The National Policy Pertaining to the Progression and Promotion Requirements of the NCS Grades R – 12

  3. The National Protocol for Assessment
2. IGazethi 34600 yacacisa ukuba iCAPS yeSigaba seMfundo noQeqesho oluQhubelekayo iya kuphunyezwa ngolu hlobo lulandelayo:

  • 2012: kwiBakala 10
  • 2013: kwiBakala 11
  • 2014: kwiIBakala 12
3. Le ngcaciso imfutshane yazisa izikolo nee-ofisi zezithili zemfundo ngesicwangciso seSebe leMfundo leNtshona Koloni sokuqhelaniswa nezifundo (orientation) kootitshala beBakala 12.

4. Ootitshala beBakala 12 baya kuqhelaniswa neCAPS kwii-ofisi zezithili zemfundo zabo. Umhla neendawo ziya kulungiselelwa zii-ofisi zezithili zemfundo.

5. Nakuba kunjalo, iiseshoni zokuqhelaniswa nezi zifundo zilandelayo ziya kulungiselelwa yaye ziqhutywe nguNdlunkulu:

Izifundo zezoBugcisa (Arts subjects)
Izifundo zezoBunjineli (Engineering subjects)
IThekhinoloji yezeNgcaciso (Information Technology)
Izifundo zezoLimo (Agricultural subjects)


6. Iiseshoni zokuqhelaniswa nezifundo ezongezelelweyo, zohlobo loqeqesho kwikhontenti yesifundo ziya kulungiselelwa liCandelo leKharityhulam yeFET (kwaNdlunkulu). Ootitshala baya kucelwa ukuba beze kwezi seshoni phambi kwe-30 Apreli 2013.

7. Iiseshoni zoqeqesho kwikhontenti yezifundo ziya kuqhutywa ngabacwangcisi bekharityhulam abakhulu, bebambisene nabacebisi ngezekharityhulam, kwiveki yesibini yeeholide zikaJuni/Julayi, ukususela nge-1 - 5 Julayi 2013.

8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 12 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:03:11

"Goverment Gazette 34600"  (ubukhulu: 115 KB)