1. Isebe Lemfundo Lentshona Koloni i(WCED) libonelela ngezifundo eziza kusasazwa ngeprogram yeTelematiki (izifundo ziza kusasazwa kusetyenziswa iteknoloji yesathelayithi) ngo-Februwari¡VMatshi 2013 ukuncedisa abafundi nabaviwa ababhala iimviwo zokuxabangela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke i(NSC). Zisasazwa ngqo ukususela nge-17 Februwari zize ziphele nge-28 Matshi 2013. Izifundo ziya kuqhutywa ngootitshala abanamava beBanga 12 zijoliswe kwizikolo eziyi-145 ezikhethiweyo kwizithili zemfundo ezisibhozo zaseNtshona Koloni ukusukela ngo-15:00 ukuya ku-17:00 ngeentsuku zeveki nokususela ngo-14:00 ukuya ku-18:00 ngeeCawa.

2. Izifundo zeNCS eziza kufundiswa zezi zilandelayo:

  • Mathematics
  • Physical Sciences
  • Accounting
  • Geography
  • Life Sciences
  • English HL
  • Afrikaans HL
3. Esi siHlomelo A siqhotyoshelweyo sinethayimthebhili yezifundo.

4. Abaviwa abanqwenela ukulisebenzisa eli thuba lihle kucelwa baye kwisikolo okanye iziko elikufutshane elinale program yeTelematika elisasaza ngqo ezi zifundo. (Funda isiHlomelo B ukufumana ingcaciso ngala maziko.) Bayacelwa abaviwa ukuba beze kwizifundo namaphepha emibuzo afanelekileyo abawabhalileyo ngo-Oktobha-Novemba 2012 nezixhobo zabo zokubhala nokubhalela.

5. Abaviwa abangenako ukufikelela kumaziko anika inkxaso kubafundi adweliswe kwisiHlomelo B, bangazithenga ezi zifundo zokunika inkxaso (support lessons) zikwi-DVDs ngexabiso elifikelelekayo kwiSebe iWCED ngokufowunela kwa-EDUMEDIA kule nombolo 021 6899536

6. Kucelwa iinqununu zezikolo ezinale program yeTelematika ziqinisekise ukuba wonke umfundi webakala 12 owenza ezi sifundo uyaphumelela ukuza kwezi zifundo.

7. Kucelwa iinqununu zezikolo ezingenayo le program yeTelematika zikhuthaze zincedisa abafundi ababhala iimviwo zokuxabangela balisebenzise eli thuba.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
OBAMBELE: USEKELA MLAWULI –JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:01:25

IsiHlomelo A: "Timetable of Telematics lessons"  (ubukhulu: 27 KB)
IsiHlomelo B: "Schools presenting lessons on Telematics platform"  (ubukhulu: 57 KB)