1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lenze i-DVD ukunceda ootitshala beBakala 12 ekuseteni imisebenzi yovavanyo oluqhutyelwa esikolweni.
2. Ngaphandle kweelwimi, yonke imizekelo (exemplars) isetwe ngesiNgesi nangesiAfrikansi.
3. Iikopi zale DVD ziya kuthunyelwa kwii-ofisi zezithili zemfundo neziya kuthi zona zizise ezikolweni.
4. Ukuba akuyifumananga le DVD kwade kwangumhla we-15 Novemba 2013, kucelwa ubhekise umbuzo wakho kwiNtloko yoQuquzelelo neNgcebiso ngezeKharityhulam kwi-ofisi yesithili semfundo sakho.
5. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 12 abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:10:18