1. I-Ofisi ye-Commonwealth Secretariat, ngokubambisana ne-British Council, iphehlelele iphulo i-Schools Online Initiative.
2. Injongo yeli phulo kukunika izixhobo zokufundisa, kwakunye nokuvula amathuba eengxoxo-mpikiswano eziqhubeka ekhompyutheni kunye nemisebenzi eqhubeka phakathi kwezikolo, ukuqaphela i- Commonwealth Games ngo-2014 eya kubanjelwa eSkotlani.
3. Injongo yeli phulo kwakhona ikwakukuqhagamshelanisa izikolo nabantwana kuwo onke aMazwe ayengaMathanga eBrithane ukuba bakwazi ukufikelela kwizibonelelo zokufunda ngemixholo eyahlukeneyo, ukuthatha inxaxheba kutshintshiselwano ngeembono namaqonga kusetyenziswa iikhompyutha nokusebenza ngokubambisana kwiiprojekthi ezenziwa ngamaqela aMazwe ayengaMathanga eBrithane phakathi kwemimandla ngemimandla.
4. Iphulo i-School Online Initiative liya kunika ootitshala nabafundi baseMzantsi Afrika ithuba lokwabelana ngeembono nangezona ndlela zibhetele zokufundisa noluntu oluthatha inxaxheba emfundweni lwamazwe ngamazwe. Oku kungadala kwakhona amathuba okutshintshiselana ngezenkcubeko.
5. Eli phulo lijonge ekuziseni iimfundiso ezisisiseko zeTshatha yaMazwe ayengaMathanga eBrithane (Charter of the Commonwealth) eklasini neya kufikeleleka kwizikolo ezimalunga ne-100 000, nootitshala abayi-300 000 nakubantu abatsha abazizigidi eziyi-17.
6. Njengoko uMzantsi Afrika ulilungu laMazwe ayengaMathanga eBrithane (Commonwealth), isebe lemfundo kazwelonke liya kuba nako ukufaka ingcaciso yayo kumaziko ewebhu apha www.education.gov.za
7. ISebe iWCED likhuthaza zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kweli phulo linika umdla kangaka.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane zonke inkokheli ezichaphazelekayo ukuze zikuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:09:16